Amasiko ama Ngwe / Phuthini
Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini lisiko lentonjane okanye umhlonyane, ze …