Amasiko ama Ngwe / Phuthini

Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini lisiko lentonjane okanye umhlonyane, ze …

Funda okunye

Isiko lembeleko kwaXhosa

Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama …

Funda okunye

Amasiko aba Thembu

Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.  Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.  Kuthe kwakufika …

Funda okunye

Amasiko ama Hlubi

Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …

Funda okunye

Amasiko ama Xesibe

Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli …

Funda okunye

Amasiko ama Bomvana

Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo …

Funda okunye

Amasiko ama Bhaca

Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca …

Funda okunye

Amaqhalo ngokukhuthaza

Akulahlwa mbeleko ngakufelwa: Musa ukunikezela ekwenzeni into ngenxa yokoyika ukungaphumeleli kuba ubungaphumelelanga kwixa elingaphambili. Umzekelo: Ndiyazi ukuba ubuqinisekile ngempumelelo, kodwa akubanga njalo. Amathuba awaphelanga xa unokuphinda uzame, akulahlwa mbeleko ngakufelwa. Mandulo phaya bekuthi xa kusandul’ ukuzalwa komntwana kuxhelwe impahla emfutshane. Ezinye iintlanga zixhela ibhokhwe ekubeni ezinye zixhela igusha. Eyonanto ibifunwa lifele lesi silwanyana. Belisukwa ke …

Funda okunye

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu