Intsomi yesiXhosa: UFudo nabantwana
Kwathi ke kaloku ngantsomi. Kwakukho imbalela elizweni. Kwatsha imilambo namadama. Kwakusele idama elinye elalisenamanzi, nalo selisitsha. Kwelo dama kwakudla ngokuqubha kulo amadada amabini kunye nofudo. Kuthe kuba kubonakala ukuba amanzi ayaphela kweli dama, amadada agqiba kwelokuba azakuhamba aye apho kungekho mbalela khona. Aluxelela ufudo, lwaza lwakhathazeka ukuva ezi ndaba lathi, “ Ke ngoku mna ndizakusala …