Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa
Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, “Ungumni?” Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi …