Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa

Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, “Ungumni?” Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi …

Funda okunye

Amasiko ama Ngwe / Phuthini

Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini lisiko lentonjane okanye umhlonyane, ze …

Funda okunye

Imibongo yesiXhosa

Inkcazelo yombongo Ezinye iincwadi zesiXhosa ezixoxa ngomcimbi wemibongo kunqabile ukufumana inkcazelo yokuba yintoni kanye umbongo. Into esuka ifumaneke kukuchazwa kweentlobo zemibongo kwakunye neentlobo zeembongi. Mhlawumbi ke kusenokuba ziyaphosakala ezo zichazayo ukuba yintoni na umbongo. Kodwa kuvamile ukuba kungabikho nkcazelo, kungatshiwo ukuba azikho ezikwenzayo oko. Kunqabile ke ukuyifumana inkcazelo nakumaqonga okukhangela e-elektroni. Okwangoku makhe senze le …

Funda okunye

Iziduko zamaNgwe / Phuthini Clan Names

AmaPhuthi sesinye sezizwe ekungalulanga ukufumana uluhlu lweziduko okanye izibongo zaso. Mhlawumbi esinye sezizathu ezenza oko kukuba nawo amaPhuthi aginyeka kwisizwe samaZulu ngexesha leZwekufa eyenziwa ngamaNgesi ngomnyaka ka 1873, apho ayetshabalalisa kwanto eyindoda kwisizwe samaPhuthi namaHlubi. Loo meko yadala ukuba amanye amaPhuthi namaHlubi aphaphame kusithiwa bangamaZulu kungenjalo. Kuluhlu lwezibongo okanye iziduko zamaPhuthi sifane safumana le mbinana …

Funda okunye

Iziduko zoo Ndiweni Clan Names

Ndiweni,Mkheswa,Mdladla abadla amandla abo,Njola,Mpofu,Mthiyane,Thwalabesabe,Madlodlongwane,Magangane,Lo maphikela,Sisu salal’ inkosi,Lodunge olwadung’ izizwe,Ijub’ elasuka lengoda kwasinqaleni,Buhlasi bendlunkulu,Ntanzikusela ngluthwal’ isala sensele,AmaLeb’ omfula,Nina amalebe omfula

Ulwimi lwama Ngwe / Phuthi

AmaPhuthi anolwimi lwawo lwemveli. Ngelishwa nawo awasindanga kwishwangusha lokuba baqukaniswe kula ngxowa yokuba ngabeNguni, kwaye kuphunyezwe iilwimi zesiXhosa nesiZulu ukuba zezona lwimi zesiNguni zisemthethweni. Kwakumabanga aphantsi ezikolweni ukuya kwaphezulu, abantwana bamaPhuthi okanye amaNgwe akwiphondo iKwaZulu-Natal bafundiswa ngolwimi lwesiZulu. Abo bakwiphondo leMpuma-Kapa bafundiswa ngolwimi lwesiXhosa okanye lwesiSuthu, kuxhomekeka ukuba bakweyiphi na ingingqi. Kusenzeka konke oku nje …

Funda okunye

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu