Isiko lolwaluko lwama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yesiko lolwaluko emaHlubini Akukho mbali ibhaliweyo ifumanekayo malunga nemvelaphi yesiko lokwaluka kumaHlubi. Kona kuyazeka ukuba lalikho kwamandulo. Imvelaphi yeli siko isenokuba isuka kwangelaa xesha amaHlubi ayeseseNgonini, ngaphambi kokuba bafudukele kumazantsi elizwe. Abanye ngababhali bembali, uTiyo Soga ngomnye wabo, uthi ngela xesha izizwe zaseMbo zazinefuthe lwenkolo yamaSirayeli. Abantu baseMbo abazange bangoluki ngokuphembelelwa lifuthe lesiko lamaSirayeli awayeyalelwe …

Funda okunye

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye