Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, “Ungumni?” Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi …

Funda okunye

Iziduko zoo Mashiya/Mashiyi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Mashiya,Hlubi,Zikode,Mashiy’ amahle anjengawenyamazane,Nyamazan’ eMpofu,Sizukulu saNdlovu,Guqa bathokoze abezindlwana,Mafuz’afulele njeng’elifu lemvula, kungajuz’umbane wezulu,Umathwalana wesebe,Ngabakwa Canzib’ udlala nezilimela,Umbabala kaMashiya noDlomo,Abayigwaz ‘igijima bethi ayinamhlehlo kanti yimbabala,INkos’enebala elihl’ emhlane, ezalibona zonk’ eziny’ iinkosi,Zathi lavela igqabi lomthakathi,Sisigoloza esimehlwabomvu sing’a sikujamele kanti sikujong’ile,Bathi uMashiy’ akamhlehlo, kanti asimhlehlo liwathalala,UGedl’ umhlanga,Usambatha mkhonto njeng’obhedu,Kuthiwa yihl’ unjong’entabeni aphel’amadoda kukuthuthumala,NguNgwekwazi abayibamba bayiyeka bayiphosa kwamade amathuba,Oomababa njengetyhongwe,Oomalilelwa ziintombi …

Funda okunye

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye