Ulwimi lwesi Mpondomise

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kunzima ukufumana ulwimi lwesiMpondomise nakubeni imibhalo efumaneka kumaqonga okukhangela e-elektroni kuyachazwa ukuba amaMpondomise ayatekela xa ethetha. kodwa xa uzingela akukho mizekelo yamagama esiMpondomise afumanekayo. Sikho sona isikhalo sokuba amaMpodomise anunuswa ngolwimi lwesiXhosa ukuze kufundwe lona ezikolweni nokuba ibe lulo oluthethwayo nakumanye amaziko olawulo. Noxa kunjalo, amaMpondomise awangomkanja. Zonke izizwe zephondo leMpuma Kapa ezingengawo amaXhosa zaye …

Funda okunye

Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma kuzo abaThembu. Naso esi sizwe …

Funda okunye

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaMpondo AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona. Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise …

Funda okunye

Amasiko ama Mpondo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi zikhusele ukufezekiswa kwaloo mcimbi. Amasiko …

Funda okunye

Uhlu lweziduko zama Mpondo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Apha kweli khasi kudweliswe nje iziduko zamaMpodo zodwa. Azithuthanga ezo ziduko. Kule ndima kukukhankanya nje ezo ziduko kufikelelwe kuzo. Kodwa umlesi uyakubona ukuba kwakolu luhlu iziduko zamaMpondo zinguMbo nomXesibe, ngoko ke zisenokuba aziphelelanga. Okanye makube ezo zingakhankanywanga zibandakanyeka kwezo ziduko zichaziweyo. Ukuthutha iziduko zamaMpondo kufumaneka kwiqonga lokukhangela elithi www.iafrika.org/xh.  Kwakhona kolu luhlu azifakwanga iziduko zabantu …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Bomvana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaBomvana Amabomvana asisizwe esinobukumkani baso obungaxhomekekanga, nobungekho phantsi, kolawulo lwesinye isizwe. Asisizwe esizimeleyo. Nawo amaBomvana agutyungelwe yile ngxaki yokuba kuthiwe angamaXhosa. Iphinde ke kuwo yongezelwe yingcinga yokuba angabaThembu. Awasiso nasinye kwezi zizwe zozibini, nokuba sesiphi na esinye. AmaBomvana ngamaBomvana – iphelele apho. Umnombo wamaBomvana awahlukanga kulowo wezinye izizwe eziNtsundu, okanye zakwaNtu, zalapha eMzantsi Afrika. …

Funda okunye