Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe sabeNguni esasikhokelwa nguMnguni ukusuka kuMntla-Mpuma …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Mpondomise Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaMpondomise Okokuqala amaMpondomise asisizwe esizimeleyo esinobukumkani obubobaso. Awasosizwe esiphantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwasebukhosini. Ilishwa ke lelokuba nawo amaMpondomise ahlaselwa ngulo mkhuhlane wokucingwa ukuba angamaXhosa. Phofu ke loo bhubhane watofiyelwa ngamakoloniyale waze wakhwezelwa ngabacinezeli bocalu-calulo ngokobuhlanga olubizwa ngokuba yi-Apartheid. Kaloku nawo amaMpondomise kwathiwa ngabeNguni kwaye kumele agob’ uphondo xa eqhushekwa kwezo lwimi zesiNguni ezakhethwa kwa …

Funda okunye

Imbali yesizwe saba Thembu Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yabaThembu Masiqale ngelithi abaThembu asisizwe esizimeleyo nesingabusi phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwemveli. Oko kukuthi sinobukumkani baso. Imbali yemvelaphi yabaThembu ayahlukanga kuleyo yezinye izizwe eziNtsudu zalapha eMzantsi Afrika. Nayo le mbali igujululwa ekubeni abaThembu athi gqi eMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika. Nakubeni kunjalo kukho abanye ababalisi abade bachaze ncakasa namagama eendawo aphuma kuzo abaThembu. Naso esi sizwe …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaMpondo AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona. Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Bhaca Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaBhaca AmaBhaca sisizwe esinobukumkani baso. Kuhle ukuyiqala ngolu hlobo imbali yamaBhaca ngoba njengazo zonke izizwe eziNtsundu okanye ezakwaNtu kukho impazamo yokuthi ezinye izizwe ziziziduko ezikwezinye izizwe. Ukuphuhlisa le nto bambalwa abantu abangayaziyo into yokuba kuthiwa amaBhaca angamaXhosa. Ayichakananga loo nto. Zizinto ezenziwa ngamaKoloniyali ngokucinezela ubuzwe bezinye iintlanga. Obo buzwe buquka namasiko azo, wona angundoqo …

Funda okunye