Iziduko zoo Dosini Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Dosini,Nqalashe,Ncele,Mqhorhana,Ntose,Ngcwina,Noyila,Ngcelenduna,Ngxow’ inoboya,Nogqaz’ umthonyama,Into engathi nkosi mntwini,Ngoba yinkosi ngokwayoEhlamba kumlambo weThina,Umlambo onobulawu bokuhlama iinkosi zamaMpondomise,Oowela kulo akaweli engadlulanga komkhulu,Uphangela ilanga lingekaphumi,Dosini elimhlophe

Imbali yesizwe sama Mpondomise Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaMpondomise Okokuqala amaMpondomise asisizwe esizimeleyo esinobukumkani obubobaso. Awasosizwe esiphantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwasebukhosini. Ilishwa ke lelokuba nawo amaMpondomise ahlaselwa ngulo mkhuhlane wokucingwa ukuba angamaXhosa. Phofu ke loo bhubhane watofiyelwa ngamakoloniyale waze wakhwezelwa ngabacinezeli bocalu-calulo ngokobuhlanga olubizwa ngokuba yi-Apartheid. Kaloku nawo amaMpondomise kwathiwa ngabeNguni kwaye kumele agob’ uphondo xa eqhushekwa kwezo lwimi zesiNguni ezakhethwa kwa …

Funda okunye