Imvelaphi yamaMpondomise
Okokuqala amaMpondomise asisizwe esizimeleyo esinobukumkani obubobaso. Awasosizwe esiphantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lwasebukhosini.
Ilishwa ke lelokuba nawo amaMpondomise ahlaselwa ngulo mkhuhlane wokucingwa ukuba angamaXhosa. Phofu ke loo bhubhane watofiyelwa ngamakoloniyale waze wakhwezelwa ngabacinezeli bocalu-calulo ngokobuhlanga olubizwa ngokuba yi-Apartheid. Kaloku nawo amaMpondomise kwathiwa ngabeNguni kwaye kumele agob’ uphondo xa eqhushekwa kwezo lwimi zesiNguni ezakhethwa kwa ngaloo maKoloniyale esithi ezo zezona lwimi zabeNguni zizizo nezamkelekileyo. Ezinye iilwimi kwathiwa ngamantshontsho ezi zimbini kwaye azikho mgangathweni wokuba zingamiselwa ngokomthetho njengeelwimi. Ezo lwimi zimbini ke yaba sisiXhosa nesiZulu. Olo tofiyelo selwada lwangena nalapha esizweni kuba kwawona amaMpondomise uyakuva ezibika ukuba angamaXhosa. Bambi bade bathi bangamaMpondomise angamaXhosa okanye amaXhosa angamaMpondomise.
Eli nqakwana liza kukuzobela ukuba wena Mpondomise awuzange waba ngumXhosa, kwaye nomXhosa akazange abe liMpondomise. Nawo amaMpondomise imbali yawo ayilanda ngelokuba ookhokho bookhokho babo basuka kuMntla-Mpuma wezwekazi le Afrika. Umngeni ngulo uzityhutyhe malunga zonke izizwe zakwaNtu, lo wokuba imbali yazo zange yabe ibhalwe phantsi. Yayiyimbali ebaliswa ngomlomo phakathi kwesizukulwana esinye naxa idluliselwa kwizizukulwana ezilandelayo. Kwalapha kwisizukulwana esinye ithi imbali isuka komnye isiya komnye ibe sel’ ichatshazelwe kukulibala kwakunye nokufakelelwa kwezinto ekucingelwa ukuba bezithethiwe ngulowo ebebalisa kuqala. Nako ke isiya kwizizukulwana ngezizukulwana ezilandelayo ithwele olo lwamvila nophawu lokuchatshazelwa zezo meko.
Naso eso sizukulwana siyidlulisa sinokwazo ukufakelela okanye ukuphungula koko besikuve kwisizukulwana esingaphambi kwaso.Yiloo nto ide yabangela ukuba kungabi lula ukwazi ukuba eyona nkokeli yayikhokela amaMpondomise ukusuka kwelo laseMntla-Mpuma yayingubani na. Phofu ayesuka kweliphi ilizwe?
Masanele ke ukufumana loo mbali isuswa kulowo usakhunjulwayo ukuba uyingcambu yomnombo wesizwe. Iyadinga ukukhalinyelwa nale ndawo yokusithela ngesebe lenkawu kusithiwa ukungabambeki kwembali yezizwe eziNtsundu yenziwa kukungakatswa kookhokho bethu de kwakhokelela ekubeni loo mbali ayizange yabhalwa. Inyaniso yeyokuba ayibhalwa imbali yezizwe zakwaNtu nangoku sekukho abafunde bade bayityekeza, bambi babo bengababhali abaphume izandla. Nanamhla oku sisasimelela kwimbali ebhalwe ezingqondweni ebuye idluliswe ngelizwi lomlomo kolandelayo ozakuthi naye ayibhale ngosiba lwengqondo. Phofu ke ingathi ngoku namagumbi engqondo okugcina ulwazi olunje ngolu amxinwa. Nexesha lokugcina olo lwazi linqongophele.
Loo mbinana ethe yayibhala ephepheni imbali uyakufika iyikhumsha. Ngokuba kutheni? Siyishiye ke leyo ngaloo mbuzo. Iyavakala eyokuba bekunzima ukubhala ngembali yabaNtsundu eyiyiyo ngexesha lengcinezelo, kuba ukhe wabhaqwa kwakukuninzi okwakunokwenzeka kuwe. Wawunyanzeliswa ukuba uguqule loo nto uyibhalileyo. Xa ungakwenzi oko wawusenokubanjwa okanye uvele uduke. Phofu kwa ncwadi leyo yakho yayingazukushicilelwa.
AmaMpondomise ngabaMbo. Ookhokho bawo bangena eMzantsi Afrika ngeentaba zeLubombo ukuya kuma phantsi kweeNtaba zoKhahlamba (Drakensberg Mountains). Ezi nkokeli zafika ngaphambili lee kunokufika kukaVasco Da Gama elunxwemeni laloo mmandla wawumiwe ngabaMbo ze awuthiye ngokuba yiNatal. Akusathethwa ke ngokufika kukaJan van Reebiek kwincam yeKapa. Ngaloo minyaka kwakungekabikho kwalo mmandla kuthiwa yiZululand namhlanje. Eyona yona yeyokuba abantu baseMbo, ukuquka amaMpondomise, mabayikhuphe engqondweni yabo eyokuba basuka kwaZulu okanye kwaZulu-Natal. Kungade kubengcono xa anokuthi asuka kule ndawo kuthiwa yiNatal kule mihla. IkwaZulu-Natal akumelanga nokuba iyabikwa xa kuchazwa ngembali yamaMpondomise. Elo gama livele emva konyaka ka1994.
Makhe ibe isima kule ndawo imbali yemvelaphi yamaMpondomise.
Iikumkani zamaMpondomise

Masiqaphele ukuba olu luhlu lweekumkani zamaMpondomise luyafana nolo lwamaMpondo ukuya kutsho koonyana bakaNjanya. Kwakhona olu lutsalwe ukusuka kuNkosi ibe ingulowo amaMpondo aqale ukubuqala kuye. Ulwazi olufumanekayo olungamaMpondomise lona luqala kuSibiside. Njengoko amaMpondomise namaMpondo angumnombo omnye, kuhle ukuba kongezwe ulwazi olufumaneka kwesinye isizwe esikwasinye nesinye, njengamaMpondo, amaMpondomise namaXesibe.
Kwakhona, xa sijonge kuTshalisi sakuqaphela ukuba unoonyana ababini abaziinkosana, uSigidi noDailiza. Ngelishwa inkosana uSigidi ayizange ibe nanzala baze ubukumkani badluliselwa kumninawa wakhe uDailiza, ozele uWelisha (Welsh), waza uWelisha wazala iNkosana uZwelozuko. UWelisha uye wathomalala ngomnyaka ka2018, zabe iintambo sezinikelwa kunyana wakhe uZwelozuko ongekathanjiswa njengekumkani yamaMpondomise. Nguye uZwelozuko othe ngo 2019 wamkela ukubuyiswa kobukumkani bamaMpondomise obahluthwa ngamaNgesi kuMhlontlo ngo1904 ngenxa yokuba watyholwa waze wafunyanwa enetyala lokubulala imantyi yamaNgesi egama linguHamilton Hope.
Nakubeni ukumkani Mhlontlo wafunyanwa emsulwa kwelo tyala, ubukumkani bakhe abuzange bubuyiselwe kuye nasesizweni samaMpondomise. Phofu ke ayenjalo amaNgesi ukuqhumisa ngobuqholo bempungutye. Xa bedinga into yakho bakutyikila ngamafutha inyama ungayityanga. Uyakuthi ngeli xesha usemi ngomlenz’ omnye uphika babe bejikele ngemva beqongqotha uvimba wakho. Xa usothuka leyo kubuya kuvele kwabona benovelwano nawe. Inkomo bayihlinza calanye.
Omnye umba obaluleke kakhulu kumcimbi wobukumkani bamaMpondo ngowokuba nakubeni ubukumkani busamkeleka kukho umceli mngeni wokuba kumele ukuba ubukumkani bukweyiphi indlu kaNgcwina. AmaDosini athi kumele ukuba ibengawo endaweni yooJola. Loo mba usesezinkundleni zamatyala. Kungoko kusekho ukulibaziseka ekumiselweni nasekuthanjisweni njengokumkani wesizwe kukaNkosana Zwelozuko (Bayethe! Bayethe! Zwelozuko!). Ukhona nomnye umba onobuzaza owachaphazelayo amaMpondomise ngomlando womnombo wawo.
Lo mnombo uwazoba amaMpondomise usebenzisa umnombo wabaThembu, amaXhosa, mhlawumbi namaZulu. Uyibeka ngokuba kuqala uNtu, azale uLuhlanga, azale uMbo, azale uZwide, azale uSibiside, azale uMse, azale uMpondomise, azale uMalangana, azale uNjanye, njalo njalo. UZwide ukumnombo wabaThembu ze uMalangana abekho kubaThembu nakumaXhosa. Umngeni ke ngowokuba eli xwebhu likumaxwebhu agcinwe kumaziko emfundo enomsila. Ifuna amaMpondomise ke leyo ukuyilungisa.
Imimandla yamaMpondomise
AmaMpondomise akho kulo lonke ilizwe laseMzanti Afrika, kwaye anelungelo lokuba angaphila nokuba kukweyiphi na ikona yalapha eMzantsi. Nakubeni kunjalo ikhona imimandla apho amaninzi khona amaMpondomise. Kwakhona loo mimandla idla ngokuba kulapho iKomkhulu lohlanga lubakhona. NgokwamaMpondomise ummandla wawo ukumhlaba wakuTsolo. UTsolo uquka neelali zakhona. Kulapho ikomkhulu lamaMpondomise lakhe khona. Ezinye iindawo zamaMpondomise ngooQumbu nooMaclear.
Izizwe ezingqonge amaMpondomise ngamaMpondo, abaThembu, amaBhaca kunye namaHlubi.