Amasiko ama Hlubi

Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …

Funda okunye

Amaphupha ngomntwana

Ukuba uphupha ubambe umntwana wakho, umntwana okwiminyaka emihlanu, kwaye uzingcolise kuwe, kunokubakho umntu okuthakathayo esebenzisa utokoloshe. Ubumdaka  bomntwana wakho mabungaze bukuchukumise kuba umntwana osephupheni ayingomntwana wakho ngokwenene.

Amaphupha ngabantwana

Ukuba uphupha umntwana, oko kunokuthetha ukuba wena okanye iqabane lakho uya kuba nomntwana kungekudala. Ukuba ukhulelwe, ke lo ngumqondiso omhle kumntwana wakho. Ukuba uphupha ngabantwana abaninzi, oko kunokuthetha ukuba unokuphumelela emsebenzini nasebomini.

Amaphupha ngabantwana abasebancinci

Ukuba uphupha umntwana oselula elele emadolweni, oko kunokuthetha ukuba kungekudala uza kuba nendwendwe. Ukuba umntwana omncinci echama, oko kungabonisa ithamsanqa ukuba ayibonisi ewujolise kuwe umchamo. Ukuba uphupha ukuba umntu omthandayo wazisa umntwana wakho kuwe, oko kunokuthetha ukuba kukho incoko eseleyo ukuba nayo okanye loo mntu usafuna ukuba ubuye kwaye uvuselele umlilo wothando phakathi kwakho.

Bhalisela ku-Whatsapp Bhalisela indaba lwazi yethu