Amasiko ama Hlubi
Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …