Isiko lolwaluko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Yintoni ulwaluko? Isiko lolwaluko kwaXhosa lisiko lesibini elenzelwa inkwenkwe emva kwesiko lembeleko. Lisiko lokuphawula ukudlulisela inkwenkwe ukusuka kwisigaba sobuntwana ukuya kwisigaba sobuntu obudala. Eli siko lihamba ngokwemiqathango elandelwayo engqamene nalo. Ukhona umahluko phakathi kokwaluka kunye nesiko lolwaluko. Isiko lolwaluko luquka konke okwenziwayo okuhambelana nokudlulisa inkwenkwe kwisigaba sobuntwana ukuya kwesobuntu obudala. Esi sigaba sikwalungiselela ukuba umfana …

Funda okunye

Isiko lembeleko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama …

Funda okunye