Isiko lembeleko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama …

Funda okunye

Amasiko ama Mpondomise

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise …

Funda okunye

Amasiko ama Xesibe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli …

Funda okunye