Amasiko ama Mpondomise
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise …