Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni.
Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise zahlukile kukwanjalo nokwahluka kweendlela zonqulo. Umzekelo: ngamaMpondomise kaMajola anqula uMajola lo thina sithi yinyoka. Zininzi ke izinto ezenzekayo nezingqinwayo apho uMajola athi avelele uhlanga ngazo. Xa kuzelwe umntwana naxa kukho umcimbi uMajola uyafika. Xa athe wafika uMajola uyabongwa anqulwe.
Malunga zonke izindlu zamaMpondomise zikwalandela unqulo lobuKrestu. Olu unqulo lwafika nabeLungu. Ekwenzeni oko abangela ukubhangiswa konqulo lwesiNtu. Loo meko yenza ukuba kubekho umsantsa owazala ekubeni kubekho ababizwa ngokuba ngamagqoboka abanye bebizwa ngokuba ngabahedeni. Kodwa ekuhambeni kwexesha lwaye lwaphela olo calulwano ngenxa yokuba abantu abaninzi baye balwamkela uguquko nakubeni bengaziyekanga nezabo izithethe. Kanti ke nemicimbi yamagqirha ikwathathwa njengonqulo, ngakumbi xa enentlombe yokuthwasisa elinye igqirha.
Izinxibo
Izinxibo zamaMpondomise amandulo yayizizikhumba zezilwanyana. Kule mihla anesinxibo esisesawo esahlukileyo kweso sezinye izizwe. Akukho gama litheni linikwa eso sinxibo ngaphandle kokuba kuthiwe sisinxibo samaMpondomise. Kodwa okuqinisekileyo kukuba isinxibo samaMpondomise sohlukile kwisinxibo sezinye izizwe. Izinto ezide zithande ukufana ziintsimbi.
Imbeleko
Imbeleko yenzelwa umntwana xa esandul’ ukuzalwa. Eli siko lenziwa ngebhokhwe. Lenzelwa ukwamkela ilungu elitsha ekhayeni kunye nokulazisa ebantwini bekhaya abaphila enyameni nakwelemimoya. Isiko elilandelayo lelentonjane elenzelwa umntwana oyintombazana xa edlulela kwisigaba sokuba yintombi. Intombazana ifika kwesi sigaba xa ingena exesheni. Yenzelwa isiko le ntonjane, abayibiza ngokuba ngumhlonyane kwezinye iziphaluka. Kuthiwa iyathonjiswa. Xa sele iphuma ejakeni yenzelwa umgidi iyalwe ngoomama. Ingenile ke ngoku kwisigaba sobuntombi. Oko kukuthi iselungelweni lokutshatwa, okanye lokwenda.
Inkwenkwe
Inkwenkwe yona iyoluswa xa ifike kwisigaba sokukhula esihambelana nesi sokusuka ebuntombazaneni ukuya ebuntombini. Inkwenkwe yoluswa ukuze ibe yindoda. Nayo izakuhlala esuthwini, endle, kwenziwe zonke izithethe eziyikhupha ebukhwenkweni ziyisa ebudodeni. Ngeli xesha isesuthwini kuthiwa ngumkhwetha. Xa iphuma esuthwini ibuyela ekhaya ilikrwala. Ukufika kwayo ekhaya izakwenzelwa umgidi, iyalwe ngamadoda. Emva kweenyanga ezithle ilikrwala ibe ngumfana. Kulapho nayo isesigabeni sokuba ingatshata, okanye ingazeka.
Ukutshata
Isigaba esilandelayo sesokutshata. Umfana uthatha intombi ngokwenza enye yeendlela ezivumelekileyo zokuzeka. Nokuba yiyiphi na indlela ayilandeleyo, enye yezinto ekudingeka azenze kukukhupha iinkomo zelobola. Inani lezo nkomo kuyavunyelwana ngalo ngamakhaya omabini, elakulomfana nelakulontombi.
Xa intombi sel’ ifikile kokwabo myeni ibizwa ngokuba ngumakoti. Ngenxa yokuba umakoti lo engeyiyo inzalelwane yeli khaya, kudingeka ukuba enziwe inzalelwane yalapha ngokuthi amkelwe njengomntwana walapha. Oko kwenziwa ngesiko lokuba aziswe kwizinyanya zekhaya kwanakwabaphilayo. Loo mcimbi kuthiwa ngutsiki. Kutsiki kuxhelwa ibhokhwe kusilwe nomqombothi. Ngalo mhla wokwamkelwa kwakhe uzakube sel’ ethiywa negama leli khaya, ze lingabi sasetyenziswa elo lakowabo. Esinye sezizathu zoko kukuba eliya gama ibilelobuntombi. Ngoku ungumfazi, ngoko ke akanakugcina igama lobuntombi. Elo lakowabo lakubizwa ngabakubo xa egodukile. Uzakwamkelwa ngomnye wootata bekhaya ze emva koko ayalwe nangabantu belali. Emva koko ke ngokwesiko lalapha ungomnye wabantwana beli khaya. Kwakhona utsiki ungumtshato wesiNtu, kwaye wamkelekile nasemthethweni karhulumente nje ngomtshato osemthethweni.
Ayez’ amaMpondomise, ayeza!
(Le yenye yeengoma zamaMpondomise)