Ukuthonjiswa kwentombi kwaXhosa
Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)
Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)
Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini lisiko lentonjane okanye umhlonyane, ze …
Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …
Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo …
Nangona xa sihleli singalelanga umtshato iyinto entle kunye nethamsanqa. Xa sikubona silele kubalibhadi kwaye kwayanyaniswa kakhulu nokufa. Ukuba uphupha utshata lilishwa elo ingakumbi emadodeni. Kuthetha ukuba kuya kubakho amaxesha anzima ebomini bakho kungekudala. Kwakhona ukuba uphupha omnye wabantu ephupheni lakho egula okanye ekhubazekile, oko kuthetha ukuba uyakuba nomtshato ongonwabanga. Ngamanye amaxesha ukuphupha utshata kunokubonisa umnqweno wakho womtshato …