Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko nemikhuba enziwa ngokwezigaba zokukhula komntu. Umntwana uyenzelwa isiko lobuntwana bakhe, intombazana engena ebuntombini iyenzelwa, umfana uyenzelwa elokuya esuthwini, umakoti uyenzelwa elokwamkelwa ekhayeni lasemzini wakhe, kanti ke umfana nentombi bayatshatiswa.
Makhe ndithelekise ke amagama ala masiko ngesiHlubi nangesiXhosa sizakutsho siqonde ukubizwa kwawo ngokwahlukileyo nakubeni iyinto enye. Imbeleko ligama lesiXhosa kube ngesiHlubi kusithiwa yiMbididi okanye iThari. Eli lithi thari ke amaHlubi athi ligama lesiSuthu. Liyasetyenziswa ke ngala maHlubi ahlala nabeSuthu abe la ahlala namaXhosa esithi yimbeleko. Isiko lokungeniswa kwentombazana ebuntombini kuthiwa yiNtonjana ngesiXhosa kube ngesiHlubi kusithiwa nguMhlonyana okanye IPhathu. Ukwalusa ngesiXhosa kukwelukisa ngesiHlubi. AmaHlubi awanaye uTsiki koko Adlisa umakoti okanye bathi yiNdlakudla. Umtshato ke ngumtshato kuzo zombini. Ukhona ke nomahluko kwizilwanyana ezixhelwayo xa kusenziwa isiko. AmaXhosa axhela ibhokhwe kanti ke emaHlubini akho axhela ibhokhwe abuye abekho axhela igusha. NgokwasemaHlubini kuthiwa abantu benza loo nto bashiywa nayo ngabazali.
Apha ngezantsi ndizakwenza imizekelo emibini yamasiko enziwa ngamaHlubi:
1. Isiko lembididi
Njengoko senditshilo, amaHlubi awathi mbeleko koko athi yimbididi okanye ithari. Siza kuhamba neli lithi mbididi kuba kaloku kwa amaHlubi athi eli lithi ithari libolekwe ebaSuthwini.
Isiko elenzelwa umntwana ukumazisa kubantu bekhaya abaphilayo nabakwelemimoya kuthiwa lithari okanye imbhididi ngesiHlubi ze kuthiwe yimbeleko ngesiXhosa okanye imbeletho ngesiZulu. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. AmaHlubi ke wona awaqabi koko enza imbhididi okanye ithari. Kodwa ke kuba sesasuleleke ekusebenziseni eli gama lithi imbeleko, sizakuhamba nalo. AmaHlubi akwiphondo leKwaZulu Natal wona azakwazi eli gama lithi imbeletho.
Imbeleko iquka izizathu ezine zokuba yenziwe. Okokuqala, ibonisa umbulelo nemivuyo kuba umntwana ebelekwe ngaphandle kwamagingxigingxi. Okwesibini, kukwazisa umntwana kubantu bekhaya. Oko kukuthi kukwazisa ukuba kukho ilungu elitsha ekhayen’ apha. Okwesithathu, kukudibanisa umntwana lowo nabantu bekhaya. Abantu bekhaya ke baquka abaphilayo ngokwasenyameni kunye nabo baphila ngokwasemoyeni. Okokugqibela, kukwenzela umntwana lowo ingubo yokubelekwa. Maxa wambi ke imbeleko ibihamba nokuthiywa kwegama lomntwana. Kodwa ke kule mihla sikuyo uthi engekaveli umntwana abe selenalo igama. Kaloku uthi evela nje kube kufuneka ebhalisiwe kwiziko lemicimbi yezekhaya njengomntu owongezelelekileyo kweli lizwe nasehlabathini jikelele.
2. Isiko lembeleko
Isiko lembeleko lihamba nokuxhelwa kwempahla emfutshane. NgokwasemaHlubini kuxhelwa igusha. Abanye ke yibhokhwe njengoko sendichazile. Ngenxa yokuba eli siko belihamba nokwenzelwa komntwana ingubo belisenziwa esandul’ ukuzalwa umntwana lowo. Bekulindwa ukuba unina aphume efukwini. Oko kukuthi belisenziwa emva kweentsuku ezisixhenxe, kodwa bekuthathwa iintsuku eziliishumi. Mhlawumbi isizathu sokkuba kuthethwe ngeentsuku ezilishumi yinto yokuba bekusaziwa ukuba kuthatha iintsuku ezintathu ukwenza umqombothi namarhewu.
Eli lisiko labantu bekhaya – nditsho abantu abasesi siduko somntwana kunye nezihlobo ezisondeleyo. Nokuba singangamaHlubi sonke kodwa umntwana ngamnye wenzelwa eli siko likhaya lesiduko sakhe. Akanakuthi enguRadebe enzelwe isiko lembeleko ngooBhukula, uRadebe wenzelwa kwaRadebe, uBhukula kwaBhukula. Akutshiwo ukuba uBhukula akanakuzimasa umsitho wembeleko kwaRadebe, okanye uRadebe kwaBhukula, xa ngaba besondelelene ngokuzalana okanye ngokumelana.
Imbeleko iqhuba iintsuku ezintathu.
1. Usuku lokwemula okanye ukushwama okanye ukungcamla/ukungcama
Onke la magama anentsingiselo enye. Ngaphambi kosuku lokuqala kuzakusilwa kudidiyelwe umqombothi kunye namarhewu. Sikhumbule ke ukuba amaHlubi awanarhewu koko anenqodi. Kumele ukuba umqombothi ube sewulungele ukuselwa ngosuku lokuqala lomsebenzi. Bambi ke bathi akwenziwa tywala kweli siko. Sizakuqhuba naba babenzayo.
Kusuku olungaphambi kolokuqala kuyangqushwa nokungqushwa kuxovwe. Kaloku ngentsasa yolu suku lokuqala kufuneka abantu bephungile balumele ngesonka, umkhupha ke ngesiHlubi. Emva kwemini uzakuqala umsebenzi. Kuqala, kumele ukuba umama womntwana kunye nomntwana, usana ngesiHlubi, babe behleli elukhukhweni ekhusini. Ikhusi ke kusenokuba semva kocango. Kodwa okubalulekileyo kukuba kusetyenziswa indlu yabantu abadala bekhaya.
Makhe ke ndiqale ngokuchaza umama womntwana – ndizakuthetha ngomakoti wasekhay’ apha. Unxibe impahla yesiNtu. NgokwesiHlubi uzakube enxibe iJelemani, abhinqe isikhafu esinqeni, athwale iqhiya ze axakathe. Kanti ke amanye amaHlubi ngokwahluka kweendawo anxiba isiShweshwe okanye umbhleso. Ilokhwe leyo ke kufuneka ibenemikhono emide. Kaloku akanakuhambela izinyanya zekhaya ngengalo kwaye engenakuzihambela ze. Ixakatho ke ligquma ubuze. Akanako nokunxiba umbhaco ngoba ayisosinxibo sesiHlubi eso. Akukho mpahla itheni ke enxitywa ngumntwana.
Xa sebethe vu, umfana wekhaya uzakuqhuba igusha leyo yomcimbi ayikrobise emnyango wendlu le umntwana nonina bakuyo. Into ebalulekileyo ngegusha leyo kukuba kumele ukuba ibeyinkabi xa umntwana eyinkwenkwe ze ibe yimazi okanye ithokazi xa eyintombazana. Abanye ke bathi kufuneka ibe yinkunzi kumntwana oyinkwenkwe, ijarha ke ngesiHlubi.
Utat’ omdala wekhaya uzakwenza amazwi kumntwana lo malunga negusha le izakuxhelwa egameni lakhe. Akukhathaliseki ke nokuba uyayiqiqa na okanye akayiqiqi lento ithethwayo. Kodwa ke ngaphambi kokuba abhekise emntwaneni kufuneka atsho isiduko, zekhaya, izibongo ngesiHlubi. Kaloku awukho umsebenzi wesiko osungulwa kungakhange kwabizwa izibongo zekhaya. Oko kubiza izibonghelo kuthiwa kukubonghela ngesiHlubi ngoba ukuzithutha sisiXhosa. Ukubonghela kukucela ukubandakanyeka kwabangasekhoyo kulo mcimbi uqhutywayo.
Esakube ezitshilo izibongo uyandula ukuthetha nomntwana lowo emazis’ ukuba le yinkomo amkelwa ngayo ekhay’ apha, uyaziswa kubantu bekhaya, abaphilayo nabangasekhoyo. Maxa wambi ke bade babizwe nangamagama abo bangasekhoyo, ngokukhumbula kwaloo mntu ukhokela umcimbi. Uyaziswa ukuba lo mcimbi wenzelwa ukumkhusela kwimimoya emibi enokuthi imhlasele kwaye yenzelwa impilo yakhe, angakhathazi.
Emva kwaloo mazwi bayakhululwa abafana ukuba bayinqumle. Kumele inqunyulwe ngumfana walaph’ ekhaya, nditsho ngesiduko ke. Isakube ihlinziwe kukhutshwa iqatha lentsonyama yomkhono wasekunene lojiwe ze kunikwe umntwana lowo. Ukuba useyimveku uzakulimfimfithiswa elo qatha, kodwa ke unina kufuneka embambele ukwenzel’ ukuba angaliginyi hleze limome. Esakube elimfimfithile lizakusele lisityiwa ngunina. Abany’ abantu bazakutya izibindi nolusu kunye nomngqusho ongenambotyi kwaye ungaqholwanga ngaziqholo. Sikhumbule ke ngokwasemaHlubini ukutya okungundoqo ngamabele, amazimba ukutsho oko. Kuza kuthotywa ke ngomqombothi, nenqodi kwabo bangaseliyo.
Inyama le izakugcinwa kweli gumbi lizakulala lo mntwana nonina kodwa kumelwe ibekwe phezu kofele. Ukuba ayinakubekwa kwelo gumbi kumelwe ibekwe egumbini labantu abadala. Kaloku ebusuku kuzakufika iinkonde zeli khaya ezingasekhoyo zizokusikelela le nyama nomqombothi.
2. Usuku lomcimbi wesiko lembididi/mbeleko
Kusuku olulandelayo abafana bazakuyihlahlela inyama. Into engahlahlelwayo ngula mkhono wasekunene. Wona uzakuphekwa unjengoko unjalo, kwaye uzakuphekwa wodwa ngokwahlukileyo kwenye inyama ephekiweyo.
Malunga nasemin’ emaqanda ngolu suku kuza kungeniswa umthandazo wokuvula inkonzo yomcimbi. Umcimbi womthandazo ke wenziwa kuba sesikweli xesha siphila kulo. Ngapha koko bekuvula utata omdala wasekhay’ apha. Uzakubonghela izibongo zalaph’ ekhaya ze enze amazwi okuyaleza olu sana kumanyange ekhaya. Ngawo ke azakudlulisela loo mbulelo nezicelo kuMdali, uNkulunkulu ngesiHlubi.
Emva komthandazo kuyaphakwa. Kuqalawa ngokunika umntwana umkhono wakhe. Ukuba umntwana akakakwazi ukutya lo mkhono uzakutyiwa ngunina noodadoboyise bomntwana. Kodwa ke kufanel’ ukuba baqale basike iqatha bamfimfithise umntwana lowo bandule ke ukuwutya. Lo mkhono akakho omny’ umntu onelungelo kuwo ngaphandle kwaba ndibabaluleyo. Kufuneka baqiniseke ukuba bawutya bawugqibe. Nokuba ngumntwana oselekhulile, kufuneka encediswe ngunina nangoodadoboyise, angawutyi yedwa.
Abany’ abantu baphakelwa umngqusho nenyama le iyenye. Senditshilo ke ukuba akukho ziqholo kwaye akukho zimuncumuncu zongezwayo. Kumelwe iphakwe yonke loo nyama, kungabikho isalayo. Ayigcinwa inyama yembeleko. Kufuneka ityiwe iphele. Into ezakusala yintloko namanqina nomlenze ezizakuphekwa zityiwe kusuku lwesithathu. Eny’ into ebalulekileyo yeyokuba kuzakujikeleziswa ilaphu eliyimpahla yomntwana lowo ukuze kosulwe ngayo izandla.Kusakugqitywa ukutyiwa kuphinda kuthotywe ngomqombothi kunye nenqodi. Azivumelekanga ke iziselo zesilungu, nokuba butywala okanye iziselo ezibandayo. Esa sikhumba, isidwaba ke ngesiHlubi, sizakusukwa ke ze lithambe kuba kuzakubelekwa ngalo umntwana.
Sekukho ifuthe lesiko lasemzini elithe lezisa inguqu nakweli siko. Kaloku ngoku sekukho ingubo zabantwana ezithengwayo. Ngoko ke akusekho sidingo sakusebenzisa isikhumba ukwenza imbeleko. Noko kunjalo siyagcinwa sikhumba, somiswe, ze kondlalelwe umntwana kulo xa elala okanye ehleli. Lakuguga nokukhula kwakhe. Xa sesigugile siyatshiswa, nakubeni kule mihla sikuyo kukho ukungakhathali ekulondolozeni eso likhumba.
3. Usuku lwevanya okanye leentloko
Usuku lwesithathu ke lusuku lweentloko. Sikhumbule ke ukuba iintloko zezamaxhego. Abanye bazakutya amanqina nenyama yala mlenze ubusele. Emva kokuba kutyiwe amaxhego azakusela ivanya. Mhlawumbi ke nenqodi isekhona. Liphela ngolo hlobo ke isiko lembeleko. Abanye ke bathetha nangokutshisa amathambo. Abanye abawatshisi.
Zonke ezo antlukwano singazinamathelisa ekwahlukaneni ekwenzeni izinto ngokwahluka kweendawo kwakwisizwe esinye esingamaHlubi.
Ezinye zeemeko ezibenefuthe kwisiko lembeleko emaHlubini
Akungamaxesha onke apho umntwana wamaHlubi enzelwa imbeleko eseyimveku. Kuyenzeka ukuba yenziwe umntwana selethe dlundlu okanye selengumntu omdala. Yonke inkqubo eseyichaziwe yokwenza imbeleko iyalandelwa. Umehluko kukuba unako ukuwutya ngokwakhe ngokupheleleyo umkhono wegusha ngaphandle kokudingeka ukuba angancediswa ngudadobawo. Kodwa unina kufuneka esikili nokuba liqatha elinye.
Enye indawo yeyokuba kuyenzeka ukuba angabimnye umntwana owenzelwa eli siko ngexesh’ elinye. Nakubeni kunjalo ke umntwana ngamnye unqunyulelwa igusha yakhe. Ayikho emaHlubini into yokuba abantwana ababini nangaphezulu abanakwenzelwa imbeleko ngosuku olunye. Nokuba bangaphi na bayenzelwa imbeleko ngosuku olunye, kwaye umntwana unqunyulelwa igusha yakhe ze amelane nomkhono wakhe.
Kulento yokuba imbeleko ilisiko lekhaya loo nto seyithanda ukufiphala ngoba wobona kufika abantu belali bezokuzimasa lo mcimbi. Kuyenzeka ukufumanis’ ukuba kubantu belali enye uzalano luthungelene kakhulu kangangokuba kunzima ukuthi ubani akazalani neli khaya. Abanye ke bayitsale kude koobawomkhulu noomakhulu.
Bambi ke kwalapha emaHlubini banako ukufun’ ukuphazamiseka ngumcimbi wokonganyelwa bubuninzi babantu bafune ukuhendeka ngokuthi bongeze inyama ngokuthi baxhele enye igusha okanye ezinye iigusha. Kwakhona kukho lomba wenyama emhlophe apho inyama yongezwa ngenyama yenkuku ukulungiselela abo bangayityiyo ebomvu.
Ukuba ngaba sirhintyeleka kulo mgibe kumelwe sime sicinge ukuba senza ntoni na xa sisenza imbeleko. Ukuba sithi senzela lo mntwana akunakuba kulungile ke ngoko ukucingela abany’ abantu abangenguye lo mntwana. Lilonke asikokulungisa ukuba senze izinwe kumcimbi wesiko lembeleko, ngaphandle kokuba siyayikhumsha siyixube nalento amagqobhoka athi enzela umntwana iti. Ukuba senjenjalo sixuba iswekile nentlabathi.
Lilonke ayikho inyama eyongezwayo kumcimbi wembeleko. Inyama ekhoyo yile yalaa mpahla ixhelelwe umntwana. Ongayityiyo inyam’ ebomvu makasel’ amanzi axole kuba akukho nyama izakongezwa. Kodwa ubukho baloo mntu bubalulekile ukuzimasa umcimbi wesizalwane sakhe.
Ndicing’ ukuba xa sesithetha ngalo mcimbi wembeleko simelwe sidlule kumcimbi wabantwana beentombi zekhaya. Masiqale ngokuthi abantwana beentombi abafunyenwe ngaphandle komtshato ngabantwana beli khaya, hayi abakulomfana owenzakalise intombi leyo. Bambi ke badla ngokuphazamisa lento ngokuhlawulwa komonakalo owenziwe ngumfana entomibini leyo. Xa ndiyibeka phandle ndingathi kuthiwa kuhlawulwa isisu.
Lilonke kwasekuqaleni akuzange kuthethwe ngokuhlawulwa komntwana. Kule mihla ikhulile into yokuba kuthiwe umntwana uhlawulwe. Yiyo naloo nto sekukho amabango angekho mxholweni, uve kusithiwa ubani wamhlawula umntwana wakhe. Kanti ke lithini ixabiso lomntu lento kuzakude kuthiwe uhlawulwe?
Kwakhona yiyo nalento nabafana abakhoyo bade bazingombe izifuba ngelithi bamhlawule umntwana bade babe namabango athile abafuna ukuwagunyazisa. Ndithetha ngalo mcimbi nje ndiza kwinto yokuba umntwana wentombi ngumntwana walapha kulonina. Kungoko kumelwe enzelwe amasiko alapha kulonina. Bambi ke bathi sebebadala uve kusithiwa bayazigodusa okanye bazigodusile. Uve omnye selezibiza ngesa siduko salo mntu ave kusithiwa nguyise. Abanye ke bade bajike neefani zabo ibezezi zalo mntu athi nguyise. Xa ndinqumla intetho yam, ndingakhange ndibonakale ngokungathi ndigxeka abantu abathile, ndingathi akwenziwa ngolo hlobo. Akunqunyulwa.
Kaloku akumelwanga kuphunywa ngekroba xa kuphunywa kweli khaya lakulontombi, kwaye kungamelwanga kungenwa ngekroba kweli lakulomfana. Kumelwe kuphunywe ngesango kubuye kungenwe ngesango nakweliya. Lilonke ithi into kuqala abantu bakulomfana kumelwe bazokumcela umntwana lowo, ngezizathu abaya kuzibeka. Okanye ke, kwangezizathu eziphathekayo, abakulontombi bacele ukuzisa umntwana lowo. Loo nto ithi kumelwe kubekho isivumelwano samakhaya omabini ze akhululwe kweli lakulontombi, amkelwe kweli lakulomfana. Injalo inkqubo, ayikho enye.
Loo nto ke ayithethi ukuba abantu abayenzi into yokuzenzela bengalandelanga le migaqo ndiyikhankanyileyo, kwaye andiphikisi mntu ngokwenza ngokwentando yakhe. Koko ndibeka oko kulisiko nomkhuba wesiHlubi nesiNtu jikelele.