Ukuthonjiswa kwentombi kwaXhosa
Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)
Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)
Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa NgokwakwaXhosa umtshato ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwamakhaya amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. Umzekelo: Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa! Nolizwe, uNyangilizwe Ndamase, Aa! Vulindlela! …
Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …