Isiko lembeleko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama …

Funda okunye

Umtshato wesiXhosa wasebukhosini

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa NgokwakwaXhosa umtshato ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwamakhaya amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. Umzekelo: Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa! Nolizwe, uNyangilizwe Ndamase, Aa! Vulindlela! …

Funda okunye

Uhlu lweziduko zama Mpondo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Apha kweli khasi kudweliswe nje iziduko zamaMpodo zodwa. Azithuthanga ezo ziduko. Kule ndima kukukhankanya nje ezo ziduko kufikelelwe kuzo. Kodwa umlesi uyakubona ukuba kwakolu luhlu iziduko zamaMpondo zinguMbo nomXesibe, ngoko ke zisenokuba aziphelelanga. Okanye makube ezo zingakhankanywanga zibandakanyeka kwezo ziduko zichaziweyo. Ukuthutha iziduko zamaMpondo kufumaneka kwiqonga lokukhangela elithi www.iafrika.org/xh.  Kwakhona kolu luhlu azifakwanga iziduko zabantu …

Funda okunye

Iziduko zama Bhaca Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Izibongo zeziduko zamaBhaca ziyafumaneka kweli qonga. Apha ngezantsi sidwelisa nje iziduko zamaBhaca: Bhovu,Dzanibe,Jokweni,Juta,Luthuli,Machiya,Madlela,Mahlawe,Mavuma,Mbotho,Mjoli,Mpovane,Mweli,Ncwabe, Sondzaba,Wushe,Zulu  Kukho enye indawo emasiyicinezele njengokuba sithetha ngeziduko zamaBhaca nje. Nanjengokuba kunjalo kuzo zonke iintlanga eziNtsundu, kukho ezinye iintlanga eziphila kunye namaBhaca kumhlaba wamaBhaca. Loo nto ayithethi ukuba ezo ziduko okanye abo bantu bezo ziduko bangamaBhaca, koko baseso sizwe basiso, kodwa bephila kumhlaba …

Funda okunye

Iziduko zama Bomvana Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Zimbalwa kakhulu iziduko zamaBomvana ezifumanekayo. Akukholeleki ukuba isizwe sonke singaneziduko ezine kuphela. Le meko imele ukuba yenziwa kukungabhalwa phantsi kushicilelwe nakumakhasi onxibelelwano. Nazi iziduko ezifumanekayo: Gebe/Mgebe/Hegebe,Gqwarhu,Hona, Mlungu,Nkumba,Nzila,Thunzi,Tshezi,Tshomane