Umtshato wasebukhosini ngokwesiko lakwaXhosa
NgokwakwaXhosa umtshato ukukwakhiwa kobuhlobo phakathi kwamakhaya amabini. La makhaya mawabe aneziduko ezahlukeneyo, kwaye kungabikho mntu osisizalwane seli khaya othathe kwakulo mzi mnye. Umzekelo: Ukuba inkosana uMxolisi Sandile, Aa! Bazindlovu, uthathe intombi kakumkani uVictor Poto Ndamase, Aa! Bhekuzulu!, uNtombomhlaba Ndamase, unyana kaMxolisi akakwazi kubonelwa kumnakwabo Nolizwe, Aa! Nolizwe, uNyangilizwe Ndamase, Aa! Vulindlela! Xa kuthethwa ngeziduko kuthethwa ngabo bonke abantu abanezo ziduko. Oku kuquka iziduko zala makhaya aceba ukwakha ubuhlobo. Loo nto ke ithi bonke abantu besiduko esithile baziva kwaye bezazi ingabo abakha ubuhlobo nabaya besaa siduko sisesinye. Umzekelo: Ukuba ubuhlobo bakhiwa phakathi kwekhaya lakwaMqoco nelakwaJola, bonke ooMqoco baloo lali neziphaluka baziva ingabo bonke abakha ubuhlobo nooJola. Kanti ke nooJola baziva ingabo bonke ooJola belali abakha ubuhlobo nooMqoco.
Kumcimbi womtshato wobukhosi isizwe sonke esiphantsi kwaloo nkosi okanye obo bukumkani siziva isiso sonke esakha ubuhlobo nesa sizwe kucelwa ubuhlobo kuso. Kanti ke naso sizazi sisakha ubuhlobo nesi sicela ubuhlobo. Umtshato waKomkhulu uba ngumtshato wesizwe siphela. Umzekelo: Umtshato weNkosana yomXhosa etshata neNkosazana yeBhaca, loo mtshato uphakathi kwesizwe samaXhosa namaBhaca. Umtshato wasebuKhosini uneendlela zawo ohamba ngazo ngokulandela amasiko esiXhosa. Nawo uchaphazelekile ziinguqu ezenzeke ngenxa yefuthe lokuhlangana nezinye iintlanga, ngakumbi abeLungu. NakubeLungu, amaNgesi. Kule mihla sizakuthi sithetha ngomtshato wesiNtu, ube phofu sewuvangwe ngezinto-yinto zamasiko aseNtshona.
Siza kuchaza ukuba wawusakuqhutywa njani na umtshato wasebukhosini kwaXhosa. Kodwa ke kuloo nkcazo yethu sekukho izinto zefuthe lasemzini, ngakumbi elakwamLungu. Umzekelo, mhla kwakutshatiswa uMxolisi Sandile (Aa! Bazindlovu) noNtombomhlaba Ndamase (Aa! Nolizwe) kwaqhutywa inkonzo yomtshato wesiXhosa apho uNolizwe wayakuhlaba umkhonto exhantini. Emva koko wayakutshintsha impahla wanxiba eyokutshatisa kwesiLungu, okanye okwecawe, yaza leyo nkonzo yaqhutywa ngumfundisi wecawe. Lunqabe kakhulu ulwazi olubhaliweyo oluchaza inkqubo elandelwayo xa kuqhutywa umtshato wasebukhosini. Lunqabe nkqu nakumaqonga onxibelelwano lwe-elektroni. Izinto ezisuke zibonakale yimifanekiso yaloo mhla womtshato kunye nabatshati. Neencwadi ezithetha ngawo zimbini, ntathu. Nazo phofu zinqabe okwezinyo lenkuku. Mhlawumbi ke ulwazi lukhona, ntonje ngababhali bokunyathelisa umsizi ephepheni abanqabileyo.
Ngethamsanqa ke eli qonga, www.iafrika.org , liza kusihlomlela ngenkqubo elandelwayo xa kuqhutywa umtshato wasebukhosini Komkhulu kwaXhosa.
Ukusungulwa kwenkqubo yomtshato wasebukhosini kwaXhosa
Mhlamnene kwaXhosa zimbini iinkqubo eziqaphelekayo ebezilandelwa xa kwakhiwa ubulawu phakathi kwamaKomkhulu amabini. Kuzo zombini ezi nkqubo isiqalo sokwenza isicelo sokwakha ubudlelwane sisuka kuloNkosazana. Kaloku ngoku asithethi ngantombi namfana kuba sithetha ngabantu begazi, hayi abantu abamnyama. Sithetha ngeNkosana neNkosazana. Eyokuqala inkqubo kukusa umkhonto kuloNkosana ngumthunywa ovela kuloNkosazana. Eyesibini inkqubo yeyokusiwa koduli kuloNkosana ngabakuloNkosazana.
Masiqale ngale yomkhonto. Kuthunywa indoda, nokuba mabini, nguyise weNkosazana ukuba base umkhonto kuloNkosana. Lo mkhonto ungumlomo wela khaya ochaza ukuba uKumkani wesinye isizwe ucelela iNkosazana engumntwana wayo ukuba atshatiswe neNkosana yale Kumkani apho basa umkhonto khona. La madoda ngoonozakuzaku beNkosazana okanye ke ngoonozakuzaku bekomkhulu elilikhaya lenkosazana. Besakuba bewushiyile umlomo baza kuphindela kwilizwe labo apho bazakunika ingxelo yokuba bawuhambisile umkhonto. IKomkhulu lakuloNkosana liza kuba nendibano apho kuzakuxoxwa ngalo mba walo mkhonto. Kuboniswana ngokuba sivunywe okanye silandulwe na isicelo selaa Komkhulu. Masithi sivunyiwe isicelo. Phofu ke inqabile eyokuba sikhatywe.
Aba bakuloNkosana baza kuthuma oonozakuzaku bayokucela ubuhlobo ngokuthi kumanywe iNkosana yabo neNkosazana yeli khaya. Abazukutsho ukuba bazokuphendula umkhonto. Ngaphambi kokuba kusatyelwe isizathu sobukho babo bazakusindlekwa kwaye bacelwe balalise kuba bezakusatyelwa ngengomso. Kusuku olulandelayo bazakubizelwa enkundleni apho iingxoxo zizakuqala khona. Bazakuchaza ingcombolo yokuza kweli khaya. Kusakube kuviwe ukuba bahambele ubulawu kuzakubizwa iimfanelo ezinje ngento ebebehamba beyitya endleleni. Ngokwentetho yakule mihla kuthiwa bacela ihambidlani.
Emva kokurhola ezo mfanelo, ikhaya leNkosazana lizakucela ukuba likhe ligqugule ngalo mba beze nawo. Abahambi ke bazakucelwa ukuba bakhe bayishiye inkundla okwethutyana. Ethubeni bayabizwa ze baziswe ukuba isicelo sabo samkelwe. Ukwaleka koko kwamkelwa kwesicelo basele besaziswa ngenani leenkomo zekhazi. Kukwachazwa nokuba kulindeleke ukuba linikeziwe ngemini yomdudo. Inani leenkomo lingangabikho ngaphantsi kwekhulu. Kusakugqitywa ukuxoxa oonozakuzaku beNkosana basiwa ebuhlanti apho bazakuboniswa inkabi yenkomo abamkelwa ngayo kweli khaya nokuba kuvunywa ubuhlobo. Iyaxhelwa le nkomo izakutyiwa ngabantu besizwe abasele bekho ukuza kuzimasa umcimbi lowo. Umlenze wenxaxheba uphathiswa oonozakuzaku xa bebuyela ekhaya ukuze ube bubungqina bokuba baye bamkelwa. Ukufika kwabo ekhaya bazakunika ingxelo yohambo lwabo.
Ukwazana kweNkosana neNkosazana njengabatshati
Njengokuba kuxoxwa ngoonozakuzaku, abatshati bona abazi ukuba zonke ezi ntshukumo zenzeka emakhayeni abo zingabo. Kwabona abazange babonane nasemdudweni, ngakumbi ukuba amakhaya abo akwiindawo eziqaqelene kakhulu. La makhaya mabini enza icebo lokuba abatshati bayokudibana ndaweni ithile apho bazakuyakudlulisa isithethe esithile sesiko lokutshata. Ngoku sekungenelele nesiko lakwamLungu kudla ngokuthiwa kuyokukhethwa umsesane. Izakuhamba ke iNkosana ukuya kwindawo yedinga iphelekwe ngabakuyo, kwangokunjalo nakwicala leNkosazana. Njengoko ingabantu basebuKhosini baphelekwa kwangabantu begazi. INkosana ifanele iphelekwe ngudade wayo oyiNkosazana, kanti ke iNkosazana iphelekwa ngumnakwabo oyiNkosana. Bangakho ke nabanye abakwangabantwana begazi okanye izihlobo ezisondeleyo.
Kulapho bazakuqala ukubonana khona ke abatshati. Usakube uthengiwe umsesane kuzakuyiwa kwikhaya leNkosazana, bekhokelwa yiNkosana engumnakwabo. Bakufika apho iindwendwe zizakunikwa indawo yokulala kuba zizakubonwa kwakusa.
Isiqinisekiso somtshato weNkosana neNkosazana kwaXhosa
Kusuku olulandela olu lokukhethwa komsesane, abahambi bazakubizelwa enkundleni emva kokuba befumene izixhaso zomphefumlo. Kuqala inkonzo yokufakwa komsesane wesiqinisekiso somtshato kwiNkosazana. Kule mihla kuthiwa ngumsesane wengeji. IKomkhulu selilungise uNyawontle ozakuqhuba lo msebenzi, kanti kusenokwenzeka ukuba kwakwaba beNkosana ukhona uNyawontle. Kodwa ke umsebenzi uzakuqhutywa ngulo weli Komkhulu lenkosazana. Umsesane wesinyaniso uzakufakwa yiNkosazana engudade boNkosana. Kaloku izolo ubulinganiswa nje lo msesane. Namhlanje ke uyafakwa emnweni. Yonke le nto yenziwa phakathi kwemiyiyizelo, amakhwelo, iingoma, imingqisho. Phofu neembongi aziyekanga ukubonga. Ayikhe ingabikho imbongi yakomkhulu nanini na kukho umcimbi komkhulu. Asikho isizathu esinokubangela ukuba ingabikho, kungade kube ilele ngandletyananye ukuze samkeleke eso sizathu.
Emva kwaloo nkonzo iba zizidlo. Kaloku bekuxheliwe apha Komkhulu kulungiselelwa lo msebenzi. Izizwe zeli komkhulu nguMbo nomXesibe ukuza kuzimasa lo mcimbi. Xa sekusongwe inkqubo yenkonzo yomsesane wesiqinisekiso, kuwiswa enye inkabi yenkomo ukwamkela iNkosazana engudade boNkosana. Banganduluka kusuku olulandelayo emva kokuba becele indlela bayiphiwa.
Iinkomo zekhazi leNkosana kwaXhosa
Xa sele iqukunjelwe le yokufakwa komsesane kwaza kwacelwa negama ekhayeni leNkosazana kulandela ukuba ikhaya leNkosana lilungise iinkomo zekhazi. Kaloku okwa kucelwa kwegama kuhamba nokumiselwa komhla womtshato. Xa sele lifumanekile elo gama kulonkosazana ayaqala amalungiselelo omtshato. Kuba ingumtshato weNkosana ikhazi kulindeleke ukuba lirholwe sisizwe, hayi ikhaya leNkosana. Kungoko ke kudingeka ukuba umntu omele iKomkhulu aye esizweni ayokusazisa ngomtshato weNkosana nokucela inkxaso yesizwe ekurholeni iinkomo zelobola. Umntu omele iKomkhulu isenokuba nguKumkani ngokwakhe, ukuba usaphila, okanye lowo ubambe kwisikhundla sobukumkani.
Xa ikomkhulu lisazisa isizwe kuthetha ukuba lizakuhambela inkqila nenkqila yesizwe salo. Apho ke kulindeleke ukuba iinkosi neenkosana, okanye izibonda, zizizimase ezo mbizo khon’ ukuze zihambise loo mlomo wekomkhulu kwiilali zazo. Nakubeni isisicelo nje esiya esizweni kodwa kubakho nentwana yesigunyaziso sokuba ilali ethile kumele ikhuphe iinkomo ezingaphi. Oko kuxhomekeka kwinani leelali zelo komkhulu. Nakubeni kunjalo kuyenzeka nokuba ilali irhole nangaphezulu kwenani ebekelwe lona. Kanti ke babakhona nabantu abarholayo ngokuzithandela kwabo. Kodwa noko kuyachazwa kwinkosana yelali okanye kwisibonda selali.
Ezi nkomo zekhazi kulindeleke ukuba zibe seziKomkhulu ngaphambi komhla womdudo. Sikhumbule ukuba ikhazi lizakunikezwa kubakhozi ngomhla womdudo.
Ukufika koduli lweNkosazana, umsitho nomdudo kwaXhosa
Ngorhatya oluthile kufika abantu bayokuhlala endulini ekude kufuphi neli khaya laKomkhulu. IKomkhulu lizakuthuma amadoda ukuya kusabela ukuba ngabantu baphi besingise phi. Kuloo nkqubo yokubuza imvelaphi abahambi aba bazakuthundiswa, barhole loo ntwana yesohlwayo basibizwayo. Emva koko bazakubizwelwa ekhayeni babelwa indlu okanye izindlu abazakuhlala kuzo. Luduli lwakulonkosazana kaloku elo. Bazakuxhelelwa inkabi yenkomo enguMathulwentabeni. Abakhozi bazakwabelwa nokuba ngumlenze okanye icala laloo nkomo ixheliweyo. Kumana kufika imiqodi yabantu abavela kwiindawo ngeendawo, nabezizwe ezikude nezikufutshane, ezisuka kwizwekazi le-Afrika naphesheya kweelwandle. Kaloku ngumtshato weNkosana neNkosazana lo. Usasaziwe kumaphephandaba nakomabonakude. Phofu ke siphumile nezimemo eziya kula mazwe asebenzisana nelizwe eli laseMzantsi. Abafoti balapha, abaNtsundu nabamHlophe, nabo bevela mbombo zone. Bakho nabo bathatha imifanekiso ehambayo abazakuyidlalisa kwiibhayaskopu. Ngokwale mihla idlawa koomabonakude.
Kungamayeyeye kusukela mhla kwamkelwa uduli, iingoma ziyombelwa, kuyimixhentso nemitshotsho yamaqela ngamaqela, kuyimiculo kwabaculayo, neembongi ziyakhonya macalana onke. Kusisisi nje, kuphekiwe kuyosiwa, kuyaselwa kunjeya. Kusuku, nokuba zimbini-ntathu, emva kokufika koduli uyaqala umsitho. Izizwe ngezizwe ziza nezipho zazo ukuza kuxhasa iKomkhulu. Abantu beza neenkabi zeenkomo ezizakuxhelwa, iinkabi ezimaziny’ asibhozo zeegusha, iimazi zeenkomo ezizakusengwa, iimvaba zamasi, imingqusho, imiqombothi, izonka, ndibala ntoni na. Zonke izinto ezizakutyiwa kweli khaya ziphuma esizweni, hayi komkhulu. Yile nto kuthiwa ngumsitho leyo. Kwangaxeshanye uyaqala umdudo. Kuyombelwa, kuyaxhentswa nazo nezinye izingqi ezaziwayo esizweni. Nezizwe ezivela kwezinye iindawo ziyalinikwa ithuba lokwenza ezayo iminyakazo. Kuqhuba umdudo nje kuyaxhelwa, kuyaphekwa, kuyosiwa, kuyatyiwa, kuyaselwa. Umdudo wakomkhulu ungayithatha neveki. Uyalikhumbula ela qhalo lithi, ‘umdudo wakwaMaphasa?’ Kuthiwa ngowona mdudo owathatha ixesha elide kuyo yonke imidudo yakwaXhosa.
Kukwalapha ngexesha lomdudo apho abafana abaziinkweli beza neenkabi zeenkomo, iinkomo zeleqe. Kule mihla ke olu khuphiswano selathathwa ngumkhwelo wamahashe. Ngexesha lokuqala komdudo oonozakuzaku beNkosana banikeza ngekhazi koonozakuzaku beNkosazana njengoko kwakuvunyelwene ngemini yokucelwa kobulawu.
Umtshato weNkosazana neNkosana ngokwesiXhosa
Ukuphela komdudo iba lusuku lomtshato. INkosazana kulindeleke ukuba iyokubinza umkhonto exhantini lomzi wakhe. Iphuma egumbini layo igqubuthele kwaye inxibe isidabane se-Ulu okanye ihlosi. Ukuba ukumkani, uyise, usaphila izakube ekhokelwa nguye ukuya esangweni lobuhlanti. Kanti ke isenikukhokelwa yiloo kumkani isesihlalweni ukuba uyise akasekho. Nabanye beKomkhulu lakowabo lizakube liyipheleka ukuya ebuhlanti. Phaya ebuhlanti kuhleli amadoda amakhulu eKomkhulu. Xa ifika exhantini siyasuswa isigqubuthelo, iguqe ibuye iphakame ibe sele ibinza ngomkhonto wayo phakathi kwamaxhanti. Emva koko ibuyela egumbini layo. Ngeba uyaphela njalo umtshato wesiNtu. Kodwa kuba sesiphila kwixesha lobuKrestu, kuzakungenwa kwinkqubo yokutshatisa ngokwenkonzo. Phaya egumbini uzakutshintsha anxibe impahla yokutshata kwesiLungu. Kodwa ke kule mihla iinkonzo sezisamkela ukuba abatshati banxibe iintsimbi nezikhakha. Uyakutshatisa ke umfundisi. Emva koko kuyatyiwa, kubhiyozwe. Kusenokubhiyozwa ubusuku bonke.
Ukuyalwa kwabatshati, ukuthiywa kwegama nokunikezelwa kweNkosazana
Kusuku olulandela olomtshato kuphekwa iintloko, kutyiwa amanqweme ngoomama. Amakhwenkwe ayazenzela kwimiphunga neentliziyo, kuxhomekeka ukuba ziziphi na iinyama zamakhwenkwe ngokwahluka kweendawo. Ootata nabafana baphithizela nemibengo neebhekile zomqombothi. Kwelinye icala kudityenwe ngabakhozi kwinkonzo yokuyala. Iqonga linikwa uyise weNkosazana okanye lowo umele yena. Isizathu soko kufuneka aqale anikezele ngentombi yakhe kweli Komkhulu. Uzakumyala ke abesele emnikezela. Emva kwakhe kuzakunikwa uyise weNkosana, kunye nomele oomama basebukhosini.
Xa sekugqityiwe ukuyalwa kuzakube sekunikezwa inkosi ephathiswe ukupapashwa kwegama lale nkosikazi. Kaloku akaseyonkosazana ngoku, uyaliwe wawezwa kwindima yobunkosazana. Loo nkosi iyakulitsho igama lenkosikazi leyo ibe seyikhahlela izihlandlo ezithathu. Isizathu sokuba le nkosikazi ithiywe igama ngumntu oyindoda kukuba kufuneka ekhahlele akugqiba ukulibiza igama. NgokwakwaXhosa umntu ongumama akakhahleli. Kungenjalo ngokwesithethe sakwaXhosa umakoti uthiywa ngomnye woomazala bakhe, nokuba ngumakhulu wormyeni. Emva kwale nkonzo yeziyalo nothiyo gama abakhozi bayandululwa babuyele ekhayeni labo.
Inkqubo yokusa uduli kuloNkosana
Olu luhlobo lwesibini lomtshato wesiNtu wasebukhosini. AbakuloNkosazana bayisa kobu bukhosi banqwenela ukuba itshatele kubo. Izakukhatshwa ngamadoda kunye neentombi. Kubakho notata oseleqinile nokuba babini. Aba tata kuthiwa ngabanini-ndlela. Bazakuhamba beqhuba iinkomo ezintathu, eyengqakwe, eyempothulo neyobulunga. Xa befika kobo bukhosi bazakuhlala kufutshane nelo khaya de abantu balo mzi bayokubabuza indlela. Bazakulahla umkhondo ngelithi bayedlula ntonje bahlwelwe. Bazakube sebecela indawo yokulala kuba behamba nomntu ongaphilanga. Besakube beyinikiwe indawo kuzakwala ekuseni la madoda oduli azakuchwechwa aye ebuhlanti axhele laa nkomo yempothulo ze bashiye icala layo phaya ebuhlanti. Abalo mzi xa bebona loo nyama ebuhlanti bazakuya kuncina ezaa ndwendwe. Kulapho zizakuchaza isizathu sokwakha ubuhlobo, okanye ubulawu. Ukugqitywa kweengxoxo kuzakuqaliswa inkqubo yomdudo nomtshato njengoko kuchaziweyo ngentl’ apha.
Olu lolu hlobo lwenzeka kuPhalo. Kwafika amaduli amabini ngemini enye. Oko kwaba kukuzalwa kwezindlu ezimbini kwaXhosa, eyamaGcaleka neyamaRharhabe.
Iinguqu kwiinkqubo zomtshato wasebukhosini
Njengayo yonke imitshato yesiNtu nomtshato wasebukhosini uchatshazelwe ziinguqu ezize nenkcubeko yakwamLungu. Ngaphandle nje kokuba inxalenye yawo iqhutywa ngokwenkonzo yobuKrestu kukwakho neenguqu ezikhoyo ekuqhubeni eli suntswana lesiNtu liseleyo. Umzekelo: Umkhwenyana wayengavunyelwanga ukuya kunyathela enkundleni yasebukhweni bakhe. Umntwenyana naye wayengavumelekanga ukutshatela enkundleni yakowabo. Uduli lwalulunye ilolu lokusiwa komntwenyana. Ngoku amaduli mabini, elakulosoka liya kulanda umakoti ze elakulomntwenyana lisa uduli emzini wakhe.