Isiko lolwaluko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Yintoni ulwaluko? Isiko lolwaluko kwaXhosa lisiko lesibini elenzelwa inkwenkwe emva kwesiko lembeleko. Lisiko lokuphawula ukudlulisela inkwenkwe ukusuka kwisigaba sobuntwana ukuya kwisigaba sobuntu obudala. Eli siko lihamba ngokwemiqathango elandelwayo engqamene nalo. Ukhona umahluko phakathi kokwaluka kunye nesiko lolwaluko. Isiko lolwaluko luquka konke okwenziwayo okuhambelana nokudlulisa inkwenkwe kwisigaba sobuntwana ukuya kwesobuntu obudala. Esi sigaba sikwalungiselela ukuba umfana …

Funda okunye

Isiko lembeleko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imbeleko lisiko lokuqala elenzelwa umntwana kwaXhosa. Amanye amaXhosa athi kukuqaba umntwana. Ngenene ke abo batshoyo batsho bamqabe imbola umntwana xa esenzelwa imbeleko. NgokwakwaXhosa imbeleko ibisakwenziwa emva kweveki umntwana ezelwe. Xa sisithi emva kweveki kubalwa ukuba imbeleko yenziwa kusuku lwesibhozo umntwana ezelwe. Lilonke imbeleko yenziwa emva kokuba umama womntwana ephuma efukwini. Kaloku ngela xesha ebesesefukwini umama …

Funda okunye

Amagama ezilo nezilwanyana ngesiXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Amagama ezilo nezilwanyana zasekhaya ngesiXhosa Amagama ezilo nezilwanyana zasendle ngesiXhosa Kwizilwanyana zasendle kukho iindidi ngendidi kwakuhlu olunye lwezilwanayana. Zininzi nezinye iintlobo zeentsiba bhokhwe ezibizwa ngamagama awahlukileyo kwiindawo ngeendawo. Phofu ke nezinye izilwanyana zibizwa ngokwahlukileyo ngokokwahluka kweendawo. Ezinye ke izilwanyana azinawo amagama esiXhosa okanye kunqabile ukuba afumaneke. Umzekelo, kukho ibhokhwe yasendle ede ibe neempondo ezijijekileyo, kunye …

Funda okunye

Amasiko aba Thembu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.  Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.  Kuthe kwakufika …

Funda okunye