Isiko lolwaluko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Yintoni ulwaluko? Isiko lolwaluko kwaXhosa lisiko lesibini elenzelwa inkwenkwe emva kwesiko lembeleko. Lisiko lokuphawula ukudlulisela inkwenkwe ukusuka kwisigaba sobuntwana ukuya kwisigaba sobuntu obudala. Eli siko lihamba ngokwemiqathango elandelwayo engqamene nalo. Ukhona umahluko phakathi kokwaluka kunye nesiko lolwaluko. Isiko lolwaluko luquka konke okwenziwayo okuhambelana nokudlulisa inkwenkwe kwisigaba sobuntwana ukuya kwesobuntu obudala. Esi sigaba sikwalungiselela ukuba umfana …

Funda okunye

Amasiko aba Thembu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Unqulo lwabaThembu Ngokwemveli, abaThembu babesakunqula uMdali owaziwa ngokuba nguQamata. Ngoko ke babengekafiki abeLungu nobukoloniyale babo obaququzelela bagxininisa ubuKrestu.  Nangaphandle koMdali, uMvelitanci, abaThembu bebekholelwa ngokungagungqiyo kwimimoya yabangasekhoyo bamakhaya, abo kuthiwa zizinyanya. Indlela ababemhlonipha ngayo uMdali bekungathethwa naye nqo xa enqulwa, koko bekuyalezwa kwizinyanya ze ibezizo ezidlulisa ezo zicelo okanye imibulelo okanye izingxengxezo kuMdali, uQamata.  Kuthe kwakufika …

Funda okunye

Amasiko ama Xesibe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli …

Funda okunye

Amasiko ama Bomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo …

Funda okunye