Amasiko ama Bomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni.

AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo lonke ixesha. Lalingaziwa ngamaBomvana igama likaThixo. Leza nabeLungu ekucaca ukuba balifumana koonoQhakancu ngaphaya entshona yelizwe loMzantsi Afrika.

Nawo amaBomvana amkeliswa ingqobhoko aza ekugqibeleni malunga onke angamaKrestu. Nakubeni kunjalo bambalwa abantu abaNtsundu, ukuquka namaBomvana, angazibambanga zombini, ezengqobhoko nezo ezikukwenza amasiko esiNtu.

Imbeleko

Imbeleko yenziwa ngegusha kwangoko esandul’ ukuzalwa umntwana. NgokwesiBomvana imbeleko ayilosiko koko kudingwa esa sikhumba segusha ukuze sisukwe ukwenzela umntwana ingubo le kuthiwa yimbeleko. Kwangeli xesha umntwana esandul’ ukuvela wenzelwa icamakhwe ngunina. Yonke imihla kusasa nangelemivundla unina womntwana ubasa umlilo ze ajingise usana. linqunu, ngapha nangapha, phezu kwelo dangatye lomlilo. Njengokuba elujingisa nje umana esithi lize liphike into eliyaziyo, into yomny’ umntu yeyalo, njalo njalo. Loo meko kuthiwa iqhutywa ade umntwana abe nonyaka.

Ngokwesithethe samaBomvana umntwana uncanca ibele likanina ade abe neminyaka emithathu. Emva koko uyalunyulwa. Kwabanye ke iba yiminyaka emibini. Into ebalulekileyo kulo mba wokulunyulwa kukuba xa elunyulwe uzakwenzelwa isiko lokuqaba. Umama nomntwana baqatywa imbola ze baxhelelwa ibhokhwe okanye inkomo. Kulapho ke bazakushwama laa ntsonyama yomkhono wasekunene. Kuyathethwa ke ngootata bekhaya, bechaza ukuba eli siko lenzelwa ukuba angakhathazi. Ukuba uyakhathaza ingabi ngenxa yokuba ebengalenzelwanga eli siko.

Igqithi

Ingqithi lelinye isiko elenziwa ngamaBomvana. Kususwa ilungu lokugqibela kucikicane okanye kunondwayiza wesandla sasekhohlo. Eli siko liqhutywa ngumntu ongumama owaziwayo ukuba uyincutshe ekulenzeni. Emva kokususwa kwelo lungu kuqatywa ubulongwe benkomo ukunqanda ukopha. Ingqithi yenziwa kuzo zozibini izini.

Intonjane

Intonjane lelinye isiko elenziwayo xa intombazana ingene exesheni. Akukho mehluko ngendlela elinziwa ngayo ngokwezinye izizwe zabeNguni baseMpuma Kapa, mhlawumbi naseNtshona Kapa. Umahluko ngowokuba apha emaBomvaneni ngalo mhla womgidi kubakho ileqe leenkomo. Kuthiwa ziinkomo ezaqeqeshwa zisengamathole ukuze zikwazi ukuthatha inxaxheba kolu hlobo lombhiyozo. Ngolu suku zibizwa ngendlela ezifundiswe ngayo ukuba zibuthelane kuloo ndawo yendibano. Zizakufika kukho amahashe nabakhweli bawo abangabafana neentombi. Xa sekufika ixesha, malunga nasemin’ emaqanda, iinkweli zamahashe ziphalisa amahashe azo ukundulukela kuloo mzi womcimbi. Ezi nkomo zizakubekeka emva kwaloo mahashe de ziyokufika enkundleni yomzi lowo. Emva kwethuba ke kuyachithakalwa, ube sewuqaliswa umcimbi womgidi wentonjane.

Ulwaluko

Ulwaluko lwamakhwenkwe nalo luyenziwa ngamaBomvana. Kuzakucatshulwa nje kwezo ndawana zingumahluko phakathi koko kwenziwa ngamaBomvana nezinye i zizwe zaseMbo apha eMpuma Kapa. Okokuqala ukuba kuzakwaluswa kugqitywa ebhungeni komkhulu. Kwalapha ebhungeni kwenziwa isigqibo sokuba ngubani ozakuba nguyise wesuthu. Oko kukuthi utata wonyana ozakulithathela kuye uxanduva lokuphumeza izidingo zamakhwenkwe ngeli lixa asethuntweni. Ibhunga lizakusele limisa umhla wokwaluswa kwamakhwenkwe lawo. Ngalo mhla womngeno amadoda akha ubume besuthu ngezinti kwindawo ekhonjwe nguyise wesuthu. Apha emgangathweni kurhidwa ngobulongwe kumane kugangathwa de umgangatho womelele. Ngeli xesha kwakhiwayo phaya ekhayeni ngamayeyeye, kuvunywa iingoma zesiBomvana, kudlalwa iintonga ngootata, abafana noomama. Abanye oomama bakude kufuphi nale ndawo kwakhiwa kuyo isuthu. Xa ootata begqibile ukwenza isakhelo (ifreyimu) yesuthu bayayishiya indawo ze kungenelele oomama ukwafulela.


Ngalo lonke ke eli xesha la makhwenkwe azakoluka ahleli ndlwini ithile kwalapha kwayise wesuthu. Isakugqitywa ukwafulelwa ibhuma kube sekuhlangenwe ebuhlanti ngamadoda. Onke amakhwenkwe azakoluka azakuphuma aye ebuhlanti afike ahlale kwindawo ebekelwe wona. Uyise wesuthu uzakuwisa inkomo apho kuza kukhutshwa intsonyama yokushwama kwala makhwenkwe xa ewonke, ngaphandle kokuba kukho okhutshelwe ibhokhwe nguyise. Lowo ke uzakungcama kwintsonyama yomkhono webhokhwe leyo. Le ntsonyama iyarhawulwa nje emlilweni ze inqunqwe ibe ngamaqatha aliqelana. Amaqatha okuqala ajulwa emoyeni ukuze la makhwenkwe awatsibele awabambe angekawi phantsi. Emva koko la aseleyo amaqatha bawakhongozwa esandleni. Iqatha lokuqala kufuneka umntu alintlantlathe nje abuye alitshice. Angawaginya ke amanye amaqatha. Yonke enye inyama iyaphekwa, ze laa mkhono wasekunene, lo wentsonyama, uphakelwe amakhwenkwe. Azakuthoba ngomqombothi ke.


Emva kwezidlo ayahamba amakhwenkwe ayokuhlala ecaleni kwesuthu apho azakuhlangana nengcibi khona. Esakube edlangiwe ayahamba aye esuthwini lawo. Awahambi emi nkqo kwaye awangeni nokuba kukanjani na esuthwini. Ukuba boluswe behleli kweli cala lasekhohlo lesuthu kuzakudingeka ukuba bajikele emva kwalo ukuze bangene kwicala lasekunene.Ukuba kukho unyana wenkosi kula makhwenkwe inkosi ibayiyo uyise wesuthu. Xa kudlangwa kuqala kwaluswe inkwenkwe ibenye kula akhapha inkosana, emva kwayo ibe yinkosana, kube sekusalulwa amanye amakhwenkwe. Okwa koluswa kuqala kwenkwenkwe engeyonkosana kuthiwa kukosula umkhonto.

Emva kweentsuku ezisixhenxe abakhwetha bayojiswa. Bazakunikwa nesikhwebu sombona esiqatywe umthathi. Kuzakuxhelwa neebhokwe baphinde bangcamiswe. Bazakuxelelwa ke ukuba bavunyelwe ukuba bangaphuma batyelele nakwezinye iindawo.

Abakhwetha bamaBomvana


Okunye okungumahluko kwisiko lamaBomvana kukuba mhlawumbi omnye wabakhwetha sel’ enenkosikazi. Loo nto ke itheth’ ukuba ngokwesiko lamaBomvana kuvumelekile ukuba inkwenkwe ingatshata. Xa umkhwetha sel’ enenkosikazi, inkosikazi yakhe kufuneka igodukile lonke eli xesha umyeni angumkhwetha ngalo. Kodwa emva komojiso umyeni uvumelekile ukuba angaya ebukhweni, adibane nowakwakhe. Kufuneka ebuye kwangentseni. Kodwa ngaphambi kokuba abuyele esuthwini, kufuneka ayokuhlamba emlanjeni. Bambi ke bathi kwankosikazi leyo kufuneka iyokuhlamba nayo. Ngomhla womphumo, kwangentseni, abakhwetha baya emlanjeni beyokuhlamba. Xa bebuya apho kube sekuqhutywa umhlambi weenkabi zeenkomo ukwenzel’ ukuba bangabonakali. La madoda azokubaphuthuma avuma ingoma ethi, “Abafuni maMpondo – hayi – hayi – atsho amadoda.” Njengokuba la madoda evuma ingoma nje, iintonga zawo zithiwe qhiwu emoyeni.


Xa befika esuthwini bafika sekukho iimpahla ezintsha abaphathelwe zona. Ziimpahla ezinje ngeengubo, amakhuko, izitya, iintonga. Abakhwetha bazakuba sebethanjiswa ngefutha, bombathiswe iingubo zabo kube sekundulukwa ukuyikwa ekhaya. Emva kokuba bethanjisiwe abasengabo abakhwetha ngoku, bangamakrwala. Xa bemgama othe tyishi ukusuka ebhumeni yabo, liyanumekwa ngomlilo ibhuma. Akufuneki amakrwala ajonge ngemva, okanye ajonge ukutsha kwesuthu labo. Ngeli xesha kugodukwayo sekuvunywa ingoma ethi, “Asifuni maMpondo.” Kuzakude kuyokufikwa ekhayeni, ebuhlanti bomzi woyise wesuthu. Apho bazakwandlalelwa laa makhuko abo bahlale phezu kwawo. Ekuhlaleni kwabo kufuneka beveze iinyawo ngaphandle njengokuba benabile. Kuza indoda ephethe ibhekile yomqombothi. Izakufefa iinyawo zala makrwala ngomqombothi lowo. Amakrwala azakumanzisa umzimba wonke ngobumanzi balo mqombothi bafefwa ngawo.

Xa igqityiwe le ndima yokuzimanzisa, kungena indima yokuyala. Kuyala amadoda, basoke nokusoka. Emva kokuyalwa bahamba nekhankatha labo ukuya kwindlu eyabelwe ukuba bazakuba kuyo kwezi ntsuku zomgidi. Apho bazakufika baqabe imbola umzimba wonke. Emva koko kube sekufika oomama bephethe ezabo izipho, nabo bayale. Oomama abadibani namakrwala, kwaye abanakuwayala amakrwala, engakhange abe ayiqabile imbola. Ukuqatywa kwembola kungumfuziselo wokususwa kwela khusi belinqanda ukuba amakrwala, ngela xesha bebesengabakhwetha, bangadibani nabantu ababhinqileyo. Umphumo uba ngoLwesihlanu, ibengumgidi ngoMgqibelo, ze ibe ziintloko ngeCawe. NgoMvulo amakrwala ayagodusa ukusiwa emakhayeni awo, nganye nganye. Koko kukhatshwa baphelekwa lihlokondiba labantu, bevuma iingoma bonwabile.

Ukutshata

Ukutshata sisigaba esilandela intonjane nokwaluka. Umehluko ekusungulweni komtshato kumaBomvana nakwezinye izizwe zaseMbo kukuba unozakuzaku uba mnye kwaye kuthunywa umfana ozakuya kucelan intombi kuyise. Emva kokwenza eso sicelo uzakuyalelwa ukuba aphinde abuye ngomhla othile kuba uyise wentombi usezakudibana nabakubo abazise ngale nyewe. Akukho mahluko kwezinye iindlela oqhutywa ngayo umtshato. Xa esamkela umakoti athi adlisa amasi okanye atyisa amasi, awathi ngutsiki.

Izinxibo

Izinxibo zamaBomvana nazo yayisakuba zizinxibo ezenziwe ngezikhumba ngaphambi kokufika kwabamHlophe neempahla zomqhaphu. Uninzi lwamagama nohlobo lwezinxibo zamaBomvana lukwalunye nolwezinye izizwe ezinje ngamaXhosa, amaMpondo, amaMpondomise, njalo njalo. Kukho ezi zilandelayo ezahlukileyo kwezi zezi zizwe:

Kwezamadoda kukho isidla esenziwe ngofele lwegusha olusukiweyo lwabhinqwa esinqeni ukuze kugqumeke ubuze. Iqhaga lona linxitywa ngabafana abasebatsha. Isitshuba sona lufele olusukiweyo olusuka esinqeni ukuya emaqatheni. Ngoku sesisenziwa nangetawuli. Oomama banxiba iziketi ezenziwe ngofele lwenkomo olusukiweyo. Ngaphantsi kwaso kukho esifutshane ekuthiwa ngutoliweyo. Isishuba sona sisinxibo sangaphantsi sokushubela. Unomtishi yena sisiketi esifutshane esinxitywa ngamantombazana. Apha ekuhombiseni kukho imiliza efakwa ezingalweni.

Izambatho kuthiwa sisitofu, ibhayi.

Leave a Reply