Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe sabeNguni esasikhokelwa nguMnguni ukusuka kuMntla-Mpuma …

Funda okunye

Iziduko zoo Mashiya/Mashiyi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Mashiya,Hlubi,Zikode,Mashiy’ amahle anjengawenyamazane,Nyamazan’ eMpofu,Sizukulu saNdlovu,Guqa bathokoze abezindlwana,Mafuz’afulele njeng’elifu lemvula, kungajuz’umbane wezulu,Umathwalana wesebe,Ngabakwa Canzib’ udlala nezilimela,Umbabala kaMashiya noDlomo,Abayigwaz ‘igijima bethi ayinamhlehlo kanti yimbabala,INkos’enebala elihl’ emhlane, ezalibona zonk’ eziny’ iinkosi,Zathi lavela igqabi lomthakathi,Sisigoloza esimehlwabomvu sing’a sikujamele kanti sikujong’ile,Bathi uMashiy’ akamhlehlo, kanti asimhlehlo liwathalala,UGedl’ umhlanga,Usambatha mkhonto njeng’obhedu,Kuthiwa yihl’ unjong’entabeni aphel’amadoda kukuthuthumala,NguNgwekwazi abayibamba bayiyeka bayiphosa kwamade amathuba,Oomababa njengetyhongwe,Oomalilelwa ziintombi …

Funda okunye

Iziduko zaba Thembu Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Apha ngezantsi zizakuzidweliswa nje iziduko zingathuthwa. Izibongo, okanye ukuthuthwa kwezi ziduko kufumaneka xa undwendwele iqonga elithi www.iafrika.org. Ukudweliswa kwezi ziduko akunanto yakwenza nokuba sesiphi isiduko esibukumkani bulawulayo, koko zidweliswe ngokulandelelena koonobumba bamagama azo. AmaGcina,AmaNtande, Dlomo, Hlanga, Maya, Mpangela,Mpemvu, Mvelase, Ndala,Ndungwana, Qhudeni,Qithi, Zima

Iziduko zoo Dlomo/Dhlomo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Dlomo dludlu kwabezindlwana,Sbheshwan’ asinangubo,Ingubo yamukwa ng’ohlangothi,Bamphuc’ ingub’ uDlomo,Waza wayifumana kwaba kwa Mpanza,Lukhoz’ olusemhlabeni,Ludl’ inkwali luzigempezela,UNdidan’ umkond’ awulandwa,UNgongoma zinemikhonto,UDlom’ akabunikwang’ ubukhosi,Wabuzuza ng’enyanda yemikonto,Lugogo lenkunzi yomtakhathi,Kade beluphala beludendebula,Lugogo labo Somyendazi,UMth’ omde wabo Ncobo,Lukhoz’ olutsiba luphakamisa kant’ awonin’ atsib’ekasisa,UDlom’ udumile maHlubi,UBang’elwa ngob’ uDlomo,Waya wadl’ ezika Ndaba ka Punga,Waya wadl’ ezika Qwabe kaMalandel’ e-Nkandla,Waya wadl’ ezaba Lululu,Waya wadl’ ezika …

Funda okunye

Iziduko zoo Madiba Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

uMaDiba,uYem-Yem,uNgqolomsila,uSopitsho,uVela bambhentsele,uZondwa oozondwa ziintshaba zingasoze zimenze nto,Kuba akanasono mntwini,Akazange watya nto yamntu,Nawayityayo wayinikwa ngumntu wayo,uSigcawu esinoboya,uNkosana,uMadib’indonga,uDubula ngenyek’etafileni kutak’ishumi lesheleni,uMthemb’omaqath’alukhuni,Uyingwanzilili yakuloKhazeka Enye indlela yokuzithutha zoo Madiba Dlomo,Madiba,Yem-Yem,Vela bambhentsele,Sophitsho,Ngqolomsila,Tubhana,Qhumpase,Zondwa ziintshaba,Zingazumenza nto,Mtande,MThembu,Ncikoza,Mtshikilana,Malangana,Bhomoyi