Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka obo kumkani kude kube namhlanje, njengoko olu luhlu lungezants’ apha lubonisa.

  • Chibi ngo-1300–1325
  • Lubelo ngo-1325-1350
  • Busobengwe (Bungane I) ngo-1350-1370
  • Fulathel’ilanga ngo-1370-1390
  • Bhele ngo-1390-1410
  • Lufelelwenja ngo-1410-1430
  • Sidwabasenkomo ngo-1430-1450
  • Mhuhu ngo-1450-1475
  • Mpembe ngo-1475-1500
  • Mhlanga ngo-1500-1525
  • Musi ngo-1525-1550
  • Masoka ngo-1550-1575
  • Ndlovu ngo-1575-1600
  • Dlamini ngo-1600-1625
  • Mthimkhulu I ngo-1625-1650
  • Ngcobo and later, Hadebe ngo-1650-1675
  • Dlomo I ngo-1675-1710
  • Mashiya ngo-1710-1720
  • Ntsele ngo-1735-1760
  • Bungane II ngo-1760-1800
  • Mthimkhulu II (Ngwadlazibomvu) ngo-1800–1818
  • Mpangazitha (Pakalita) 1818-1825)
  • Mahwanqa ngo-1825-1839
  • Dlomo II and later, Mtetwa (commonly known as Langalibalele I) ngo-1839-1889
  • Siyephu (Mandiza) ngo-1897-1910
  • Ngobondwane – Ibambela ngo-1910 – 1926
  • Tatazela (Mthunzi) ngo-1926–1956
  • Mshikashika Hadebe–Ibambela ngo-1956-1968
  • Johnson Hadebe–Ibambela ngo-1968-1974
  • Muziwenkosi (Langalibalelle ll) ngo-1974– (ngulo usalawulayo kude kube ngeli xesha lokuhlaziywa kwale ncwadi ngo-2022)

Olu luhlu lungentl’ apha lubonisa iikumkani zamaHlubi neminyaka yokulawula kwazo. kusukela kuChibi ongunyana kaMnguni. Phofu imbali ithi ubukumkani bamaHlubi bamiselwa ngonyaka ka1300. Kumnyaka ka 1720 ukuya ku 1735 no 1889 ukuya ku 1896 akukho lwazi lufumanekayo lokuba yayingobani iikumkani ngoko. Kukrokreleka ukuba ukumkani wayengekamiselwa emva kokubhubha kwabo babelawula ngaphambi kwalo minyaka. Kunqongophele nengxelo yokuba kube kwakukho ibambela lo gama kungekonyulwa.

Emva kuka-1873 kungenzeka ukuba isizwe asizange sifune ukubhengeza esidlangalaleni ukuba ngubani ibambela lekumkani uLangalibalele I. Kaloku lo ngulo nyaka apho wabanjwa khona ukumkani Langalibalele I. akazange abanjwe kuphela, koko amaNgesi abakwiphulo lokusitshabalalisa siphele sithi nya isizwe samaHlubi. Kwawona amaHlubi ayefihlana kangangokuba kwakude kwakho indlela ababezazisa ngayo omnye komnye. Kuthiwa babedla ngokuthi, ‘Rhulumende nkosi’. Angatsho umntu xa ebulisa sekusaziwa ukuba liHlubi. 

Masiqonde ke ukuba olu luhlu lungentla lubonakalisa iikumkani zamaHlubi kuphela. Zazikho neenkosi zamaHlubi ezazilawula kwizithili ngezithili. Umzekelo: uSondezi owayengumntakwabo Bhungane wayeyinkosi. Ngokunjalo noNgalonkulu wayekwayinkosi. Imbali ithi zombini ezi nkosi zaqephuka namaqela avisayo ukuya kwezi ndawo bafudukela kuzo. Ngokuqinisekileyo nezinye iinkosi zahamba nabalandeli bazo. Kanti ke babekho nabantu abangamaHlubi abaziduko zahlukeneyo ababekhokelwa zezonkosi.

Leave a Reply