Isiko lolwaluko lwama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yesiko lolwaluko emaHlubini Akukho mbali ibhaliweyo ifumanekayo malunga nemvelaphi yesiko lokwaluka kumaHlubi. Kona kuyazeka ukuba lalikho kwamandulo. Imvelaphi yeli siko isenokuba isuka kwangelaa xesha amaHlubi ayeseseNgonini, ngaphambi kokuba bafudukele kumazantsi elizwe. Abanye ngababhali bembali, uTiyo Soga ngomnye wabo, uthi ngela xesha izizwe zaseMbo zazinefuthe lwenkolo yamaSirayeli. Abantu baseMbo abazange bangoluki ngokuphembelelwa lifuthe lesiko lamaSirayeli awayeyalelwe …

Funda okunye

Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe sabeNguni esasikhokelwa nguMnguni ukusuka kuMntla-Mpuma …

Funda okunye

Iziduko zama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi ngabantu abaneziduko ngeziduko ezahlukeneyo kodwa babe beluhlanga lwamaHlubi okanye isizwe samaHlubi. Umbhali wakudala nowayengumphandi wemvelaphi yesizwe samaHlubi uMnumzana H.M. Ndawo ulenzile igalelo lokudwelisa iziduko zamaHlubi njengoko kubhalwe ngezants’ apha: Dakana,Dinwa,Dladla,Dlamini,Dlomo/Dhlomo (Ingenguye lo unguMadiba),Dongwe,Dontsa,Duma,Gambu,Gatyeni,Hlangebi,Hlatywayo,Jali (Ingenguye lo unguMpemvu),Khambule – Mncube,Khasibe,Khesa,Khumalo,Langa,Lubelo,Ludwala,Mabaso,Maduna,Makhunga,Maphetha,Mashiyi,Masingila,Masoka,Mayaba,Mazibuko,Mbambo,Mbanjwa,Mbongwe,Mdluli,Miya,Mkhwane,Mlandu,Mnguni,Mntambo,Mpangela,Mpila,Msi-Skhosana,Msimanga,Mtungwa,Mvemve,Mvulane,Nala-nzima,Ndaba,Ndana,Ndlangisa,Ndlela,Ndlovu (Ndhlovu),Ndumo,Ngcobo,Nkala,Nkomo,Nkosi,Nkwali (Maphela),Ntambo,Ntethe,Ntlaphu,Phakathi,Radebe (Hadebe),Sibalukhulu,Sibiya,Sithole,Shandu kaNdaba,Shweme,Thuse,Tolo,Tshabalala,Tshabangu,Vundle,Xaba,Xolo (Manci),Zengele (Thiyane),Zondi,Zulu(Radebe) Olu luhlu akusukuba luzichaze zonke iziduko zamaHlubi. Kaloku angangehlabathi yolundi …

Funda okunye

Iziduko zoo Zondi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Zondi,Nondaba,Gagashe,Luqa,Tetane,Lusibalikhulu,Nhlabisile kaGinindza KaNjapha,KaNomaphindela kaNokhuva,KaNdokoshe kaSidukuduku,Gasa ngokugasela izizwe,Jangeni kaBhambatha,KaMancinza owancinza isoka labuyela entombini,Maguduzela owaguduzel’ izihosha nezihoshana,Mabonw’ abulawe njengenyamazane,Mpunyumpunyu bemphethe,Dudul’ amaBhunu,Tshibase

Iziduko zoo Zengele Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Zengele,Thiyane,Zulu Ntombela,UMahlangabeza owahlangabeza iNkosi,Isiza ngobuso ngomso ekhethu,NguTshaka akatshayeki,USenzangakhona,Zililagazi abanye belila izinyembezi,UNobelerhwane owayidwaba,Wayishiya enkundleni yasala ibhenywa zizalukazana,UDunjane owayidukisa wade wayibala,Isikhewula ngezikhali phantsi kwentaba zeLowa,Isiphuthumi esiphuthuma indoda entlangeni,UNkomonde inkonyane kaNdaba,Inkonyane yohlanga,Inkonyane ekhala emthonjeni,UMalandela owalandela izinkomo zamadoda,UThiyane ngokuthiya amadoda,EMazibukweni umweli ongaweli ngamazibuko,Oowela ng’ezintleng’ele,UMwelase owakumfula awuwelwa uwelwa izinkonjane kuphela,Isono saMaThiyane ukukhokha phezu komfula,Zithi inkomo zisakuwela,Amadoda asale erhwaba udaka

Iziduko zoo Tshabangu/Shabangu Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Shabangu,Mbhele loluhlata njenge ngcoshane,MSuthu,MSwati,Mtungw’ amahle emaBhele,Akakhetsani nakhaya ebandla,Ingani bafati bemaBhele abayisikisi incoboza,Basaba kusika bantfwa babo,Kutsiwa ungahlala nemaBhele uyalibala,Mahalahalabe waNgwane,Tyodyo, Dlatile,Ndlangamandla waSithole,Wena lowabulala induna,Kwangab’ indaba yalutho,Godide,Mpembe,Ndlela ka Sompisi,Wena lowatsela inkosi ngelitfuli

Iziduko zoo Tshabalala/ Shabalala Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Mtjenghu/Mtshengu kaTshabalalaNg’abakwaSwalalaDongha lukaMavusoSobhuzaSidwabaSihlabathi simhlopheHlongwaneMangangempisiNyamenjaMabhedlaNgxabalalaChagweThaphoBhuqaMagudulelaPhikindabaNkosikayikhoDongha dilika kade sinath’emaxhaphuzeniNg’atjamban/ng’ajamban’ezimang’a makhuluEzathi uMhlang’amvula/Mhlong’amvula udilikile kanti zitsh’uhlezi.