Iziduko zama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi ngabantu abaneziduko ngeziduko ezahlukeneyo kodwa babe beluhlanga lwamaHlubi okanye isizwe samaHlubi. Umbhali wakudala nowayengumphandi wemvelaphi yesizwe samaHlubi uMnumzana H.M. Ndawo ulenzile igalelo lokudwelisa iziduko zamaHlubi njengoko kubhalwe ngezants’ apha: Dakana,Dinwa,Dladla,Dlamini,Dlomo/Dhlomo (Ingenguye lo unguMadiba),Dongwe,Dontsa,Duma,Gambu,Gatyeni,Hlangebi,Hlatywayo,Jali (Ingenguye lo unguMpemvu),Khambule – Mncube,Khasibe,Khesa,Khumalo,Langa,Lubelo,Ludwala,Mabaso,Maduna,Makhunga,Maphetha,Mashiyi,Masingila,Masoka,Mayaba,Mazibuko,Mbambo,Mbanjwa,Mbongwe,Mdluli,Miya,Mkhwane,Mlandu,Mnguni,Mntambo,Mpangela,Mpila,Msi-Skhosana,Msimanga,Mtungwa,Mvemve,Mvulane,Nala-nzima,Ndaba,Ndana,Ndlangisa,Ndlela,Ndlovu (Ndhlovu),Ndumo,Ngcobo,Nkala,Nkomo,Nkosi,Nkwali (Maphela),Ntambo,Ntethe,Ntlaphu,Phakathi,Radebe (Hadebe),Sibalukhulu,Sibiya,Sithole,Shandu kaNdaba,Shweme,Thuse,Tolo,Tshabalala,Tshabangu,Vundle,Xaba,Xolo (Manci),Zengele (Thiyane),Zondi,Zulu(Radebe) Olu luhlu akusukuba luzichaze zonke iziduko zamaHlubi. Kaloku angangehlabathi yolundi …

Funda okunye

Iziduko zoo Mbanjwa Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Mbanjwa,Sokhela,Nyon’ emnyama,Eyabizwa ngekhwela yasabela yathi tyiyo,Gqabela kaVezi,Wena ozalisa abafazi baliwe amadoda abo,Mzukuzeli ulwandle aluwelwa luwelwa zinkonjane ezindizela phezulu,Mpazela,Sisho wena nkanyezi yezulu,Mzekwa,Galaza,Magujwa,Dindela!Gebane,Mpethwana,Gubulundu,Nongoma,Ntimela,Mhlabeka,Mntiyantiyane,Thikazi,Bharhumza,Mlonjana,Ntimela,Nkumbuzo,Mavuso,Mhlabela,Tholelenkunzi,Jik’ amatye abezizonka Enye indlela yokuzithutha kooMbanjwa Mbanjwa,Khathini,Mnguni,Samu elihle,Mpethwana,Gubulundu,Nongoma,Ntimela,Mhlabeka,Mantiyantiyane,Mpazela,Gobiza,Gebane,Magqabela,Sokhela,Galaza,Mzekwa,Lwandle aluwelwa luwelwa ziinkonjane zona zihambela phezulu,Nyoni emnyama eyabizwa ngekhwelo yasabela yathi tsiyoo,Mfezi,Dindela,Choboza,Gqabala likaVezi