Iziduko zoo Mbanjwa Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Mbanjwa,
Sokhela,
Nyon’ emnyama,
Eyabizwa ngekhwela yasabela yathi tyiyo,
Gqabela kaVezi,
Wena ozalisa abafazi baliwe amadoda abo,
Mzukuzeli ulwandle aluwelwa luwelwa zinkonjane ezindizela phezulu,
Mpazela,
Sisho wena nkanyezi yezulu,
Mzekwa,
Galaza,
Magujwa,
Dindela!
Gebane,
Mpethwana,
Gubulundu,
Nongoma,
Ntimela,
Mhlabeka,
Mntiyantiyane,
Thikazi,
Bharhumza,
Mlonjana,
Ntimela,
Nkumbuzo,
Mavuso,
Mhlabela,
Tholelenkunzi,
Jik’ amatye abezizonka

Enye indlela yokuzithutha kooMbanjwa

Mbanjwa,
Khathini,
Mnguni,
Samu elihle,
Mpethwana,
Gubulundu,
Nongoma,
Ntimela,
Mhlabeka,
Mantiyantiyane,
Mpazela,
Gobiza,
Gebane,
Magqabela,
Sokhela,
Galaza,
Mzekwa,
Lwandle aluwelwa luwelwa ziinkonjane zona zihambela phezulu,
Nyoni emnyama eyabizwa ngekhwelo yasabela yathi tsiyoo,
Mfezi,
Dindela,
Choboza,
Gqabala likaVezi

Leave a Reply