Iziduko zezizwe ezintsundu ezakhe epuma nasentshona Kapa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ingabula zigcawu Mabandla omzi kaNtu, ndiyabhotisa kwaye ndibulela kwangokunjalo ukuba nithi cakatha kweli khasi eliphefumla ngani. Kaloku xa kuthethwa ngeziduko kumzi oNtsundu kuthethwa ngobuyena bakhe. Kungoko ke kaloku naphi na apho kudityanwa khona ngabantu, umbuzo wokuqala omnye komnye uthi, “Ungumni?” Yeka ke ukubobotheka kulowo ubuzwayo kuba kaloku kubuzwa ngobuyena bakhe. Uyakutyatyadula ke ezibika ukuba unguNatsi …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba …

Funda okunye

Iziduko zoo Gcuma Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

OoGcuma,UGcuma kaMajola,UMalandelwa yintombi ithi ndizeke,UNdzabela,UMayaba Enye indlela yokuzithutha koo Gcuma Gcuma,Nhlumayo,Mayaba,Xesibe,Somadoda,Mganu,Sabela mfaz’ uyabizwa emazibukweni,Sinama,Malandelwa yintombi ithi bhuti ndizeke nokuba awunankomoIinkomo nguwe uqobo,Nina eningathi nkosi mntwini kuba nizinkosi ngokwenu,Sigcuma esihle esathungwa ngabafazi bevela kutheza,Mhl’ ephethe,Mabandl’ okhuko,Mfaphe,Nxele,Msintsana,Mdak’ omnyama,Mahlab’ ayibheke