Imbali yesizwe sama Xesibe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaXesibe AmaXesibe asisizwe esizimeleyo esinobukumkani baso. AmaXesibe awakho phantsi kwesinye isizwe ngokolawulo lobukhosi. Njengazo naziphi na izizwe eziNtsundu ezakhe eMpuma Kapa, nawo amaXesibe athathwe ngokuba angamaXhosa okanye aluhlanga oluthile oluphantsi kwesizwe samaXhosa. Kwakhona, kuba ephila exubene namaBhaca kwiindawo eziliqela, akwathathwa ngokuba angamaBhaca. Namanye amaXesibe angenalwazi lobuzwe bawo azicingela ukuba angamaBhaca, ade atsho nokutsho ukuba …

Funda okunye

Amasiko ama Xesibe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Mpondo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaMpondo AmaMpondo nawo asisizwe esizimeleyo ngokobuzwe. Awasosizwe esiphantsi kwesinye ngolawulo. Sisizwe esinobukumkani baso kunye nengingqi apho obo bukumkani bulawula khona. Uninzi lwabantu, nkqu amamMpondo, luthanda ukwayamanisa amaMpondo namaXhosa, ngelithi amaMpondo asisizwana esiphantsi kwamaXhosa. Bambi bade bathi amaMpondo alisebe lamaXhosa. Nababhali beencwadi, kunye nabaphandi, banayo indawo yokuthi xa bethetha ngamaXhosa, okanye bephanda ngeemeko zamaXhosa, baqukanise …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Bhaca Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaBhaca AmaBhaca sisizwe esinobukumkani baso. Kuhle ukuyiqala ngolu hlobo imbali yamaBhaca ngoba njengazo zonke izizwe eziNtsundu okanye ezakwaNtu kukho impazamo yokuthi ezinye izizwe ziziziduko ezikwezinye izizwe. Ukuphuhlisa le nto bambalwa abantu abangayaziyo into yokuba kuthiwa amaBhaca angamaXhosa. Ayichakananga loo nto. Zizinto ezenziwa ngamaKoloniyali ngokucinezela ubuzwe bezinye iintlanga. Obo buzwe buquka namasiko azo, wona angundoqo …

Funda okunye