Imvelaphi yamaBhaca
AmaBhaca sisizwe esinobukumkani baso. Kuhle ukuyiqala ngolu hlobo imbali yamaBhaca ngoba njengazo zonke izizwe eziNtsundu okanye ezakwaNtu kukho impazamo yokuthi ezinye izizwe ziziziduko ezikwezinye izizwe. Ukuphuhlisa le nto bambalwa abantu abangayaziyo into yokuba kuthiwa amaBhaca angamaXhosa. Ayichakananga loo nto. Zizinto ezenziwa ngamaKoloniyali ngokucinezela ubuzwe bezinye iintlanga. Obo buzwe buquka namasiko azo, wona angundoqo wobuzwe bazo.
Kuphinda kubekho into ethi amaBhaca ayengamaZulu ntlandlolo. Leyo ke ikho nkqu ebantwini abangamaBhaca. Bambi bade bathi uBhaca wayengumntakwabo Senzangakhona. Ayichananga naleyo imbali. AmaBhaca awazange abe ngamaZulu njengokuba engazange abe ngamaXhosa. NamaZulu namaXhosa awazange abe ngamaBhaca.
Avela phi ke amaBhaca?
AmaBhaca awahlukanga kwezinye izizwe zakwaNtu ezasuka kuMntla-Mpuma wezwekazi i-Afrika zaza zafudukela emazantsi de zazokuthi gxada eMzantsi Afrika. Akwaziwa ncakasana ukuba ingaba ngubani eyona nkokeli okanye yayingoobani iinkokeli zezizwe ngezizwe ezazikhokela izizwe zazo ukusuka apho zazisuka khona. Zonke izizwe ezimnyama zaseMzantsi e-Afrika ziyafunisela ukuba inokuba inkokheli yayingubani. Bambi bakhumbula ngamabali abewabaliselwa.
Isizathu soko kukuba uncwadi lwemvelo lwasiNtu gabalala belungabhalwa koko belubaliswa ngomlomo lugcinwe engqondweni ze luphokozelwe kwizizukulwana ngezizukulwana ezilandelayo. Loo nto ke idala imeko apho izinto zingabaliswa ngokufanayo. Noko kusenziwa kukuba unobalisa abe uzilibele ezinye izinto okanye adibanise izinto neziganeko ezingamelanga kudibana. NeyamaBhaca ke imbali zange isinde kuloo ndlela yokwenza.
Iikumkani zamaBhaca
Ubukumkani bamaBhaca bulandeka kumntu ekwakusithiwa nguZulu. Eli gama lilo ke eli lenza ukuba amaBhaca enze impazamo yokucinga ukuba ayesakuba ngamaZulu. Eli ligama lomntu, hayi uhlanga okanye isizwe. Alidibananga tu negama elanikwa uhlanga olungamaZulu anguTshaka. UZulu owayesakuba ngukumkani wamaBhaca wayephila wabuya wakhothama kungekaziwa kwa ukuba uyakuze abekho uTshaka. Okanye kwakungekaziwa nokuba isizwe seFenulwenja lakuze lithiywe igama elithi Zulu. KwaTshaka lowo, nkqu noSenzangakhona, wayengekabikho ukuphila kukaZulu. Izizwe eziNtsundu zoMzantsi Afrika zihamba zihambe zibe nabantu abanamagama afanayo kodwa bekwizizwe ezahlukileyo. Umzekelo, eli gama lithi Zulu yayikwaligama lomnye woonyana bakaRhadebe, Rhadebe lowo ongengomZulu kwaye engeloBhaca. UZulu yayiligama lonyana wakhe. Kunjalo ke nakulo Zulu isizwe samaBhaca siwulanda ukusuka kuye umlibo waso.
Ndinga ke ingasuka kumaBhaca le ngcingane yokuba ayekhe angamaZulu ngenxa yokudibanisa eli gama negama lesizwe samaZulu. Loo nto mayiphelele ezintsomini kuba zikhona iintsomi zamaBhaca ezithetha ngokuba uMadzikane wayengumninawa kaTshaka. Ayikho loo nto, yintsomi.
UZulu uzala uLufulwenja. Nalo eli, lelinye igama elibhidisa amaBhaca ukuze acinge ukuba ayengamaZulu. Uhlanga lwamaZulu kwakusakuthiwa yiLufenulwenja hayi uLufulwenja. Ngapha koko uLufulwenja yayisakuba ligama lekumkani yamaBhaca, iligama lomntu. Kanti iLufenulwenja ligama lohlanga, enye yeenkokeli zalo yayinguSenzangakhona owayenguyise kaTshaka.
ULufulwenja ubenoonyana abangamazibulo ababini uWushe noZelemu ekuthiwa nguDidi. Kukho imbali ethi uLufulwenja wabhubha malunga nonyaka ka 1734. Loo nto iyodwa nje ithi uLufulwenja wabhubha iminyaka engamashumi amabini anesibhozo (28) ngaphambi kokuba kuzalwe uyise kaTshaka, uSenzangakhona, owazalwa ngo1762. Ngeemeko ezingade zichazwe ngokucacileyo, kwangamaBhaca kwimbali zawo azibhalileyo kumaqonga e-elektroni, aba nyana bakaLufulwenja bamisela izikumkani zabo ze kwabakho isizwe samaWushe nesizwe samaZelemu.
Umlibo kaWushe ngulo ulandelayo:

Umlibo kaZelemu ngulo ulandelayo:

Kukho nenye imbali ethi amaBhaca ayesakubizwa ngokuba ngamaZelemu. Ukushunqula nje singathi xa kuthethwa ngolo hlobo kukukhetha ngoba eli gama lithi Bhaca lisuka ekudityanisweni kohlanga lwamaWushe namaZelemu. Bambi bathi oko kudityaniswa kwenzeka ngexesha likaMadzikane, ngokuvana kukaMbedu noMadzikane.
Kwakhona enye into efanele ukucaciswa ngamaBhaca kukuba ngomphi omdala koonyana bakaZelemu. Ingaba nguWabana, kuba ubukumkani badlulela kuye?
Kwakhona kumele acacise ukuba kutheni le nto ubukumkani bamaBhaca bulandwa kuDiko ekubeni kukho nembali yokuba uDiko wayelibambela likaMakaula. Ewe kona iyenzeka into yokuba athi umntu ebelibambela asuke angafuni kuphulukana nesihlalo xa kufike ixesha lokuba asinikezele. Xa kunjalo kudla ngokudaleka ubukhosi obubini esizweni esinye kuba nalo ebelibambela uba nabalandeli bakhe abamxhasayo. Ingaba kwenzeka eso kuDiko noMakaula? AmaBhaca mawacacise.
Kodwa ke akusukuba ngamaBhaca odwa atshintshe igama lohlanga. Kwakunjalo nakumaZulu namaHlubi nabeSuthu. Oko ke kukuthi akukho nto iphuthileyo ekuguqulweni kwegama lohlanga, nokuba kungenxa yesiganeko okanye nasiphi na isizathu.
Iindawo zamaBhaca apho afumaneka khona
AmaBhaca, njengazo zonke ezinye iintlanga, akho kuwo onke amaphondo alapha eMzantsi Afrika.
Nakubeni kunjalo, kukho iindawo ezaziwa njengokuba ziindawo zamaBhaca. Masiyazi, kwaye siyizinzise ezingqondweni zethu, into yokuba amaBhaca asuka kule ndawo kuthiwa yiNatal. AmaBhaca awasuki kule ndawo kuthiwa kukwaZulu okanye iZululand, xa beyikhumsha. Kuqikelelwa ukuba uninzi lwawo beluphaya kulaa ngingqi yaseMgungundlovu. Inokuba abanye abantu babhidiswa leli gama lithi KwaZulu-Natal, okanye KZN xa lishunqulwa. Eli gama livele emva ko 1994, kungoko benengcinga yokuba amaBhaca avela kwaZulu kube kungenjalo.
Kwakhona, ukufuduka kwamaBhaca akudibenanga nale nto kuthiwa yiMfecane kaTshaka, ukuba yayikho kwayona.
AmaBhaca afudukela ngaseMpuma njengezinye izizwe ezenjenjalo njengamaXhosa, amaMpondo, amaMpondomise, amaXesibe, abaThembu, amaBomvana, nezinye ke.
Wambi amaBhaca ayakuma kulo mhlaba kuthiwa kuseMzimkhulu, amanye afudukela eXopo ze amanye ayakuma KwaBhaca, ndawo le yayisakwaziwa ngokuba yiMount Frere. Imbali ithi la maBhaca aya eMzimkhulu ayekhokelwa nguSonyangwe, ongomnye woonyana bakaMadzikane.
Kukwezi ndawo zintathu apho uninzi lwamaBhaca lukhoyo de kuthiwe yimihlaba yamaBhaca.
uMadzikane wazala uSonyangwe noNcaphayi
uSonyangwe wazala uMdutyana
uNcaphayi enamakhosikazi amanintsi
wazala uDiko noSogoni kundlunkulu
wazala uMakhawula kwindlu yasekunene
wazala udabula noMphongoma kwinkosikazi yesithathu