Isiko lolwaluko lwama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yesiko lolwaluko emaHlubini Akukho mbali ibhaliweyo ifumanekayo malunga nemvelaphi yesiko lokwaluka kumaHlubi. Kona kuyazeka ukuba lalikho kwamandulo. Imvelaphi yeli siko isenokuba isuka kwangelaa xesha amaHlubi ayeseseNgonini, ngaphambi kokuba bafudukele kumazantsi elizwe. Abanye ngababhali bembali, uTiyo Soga ngomnye wabo, uthi ngela xesha izizwe zaseMbo zazinefuthe lwenkolo yamaSirayeli. Abantu baseMbo abazange bangoluki ngokuphembelelwa lifuthe lesiko lamaSirayeli awayeyalelwe …

Funda okunye

Isiko lolwaluko kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Yintoni ulwaluko? Isiko lolwaluko kwaXhosa lisiko lesibini elenzelwa inkwenkwe emva kwesiko lembeleko. Lisiko lokuphawula ukudlulisela inkwenkwe ukusuka kwisigaba sobuntwana ukuya kwisigaba sobuntu obudala. Eli siko lihamba ngokwemiqathango elandelwayo engqamene nalo. Ukhona umahluko phakathi kokwaluka kunye nesiko lolwaluko. Isiko lolwaluko luquka konke okwenziwayo okuhambelana nokudlulisa inkwenkwe kwisigaba sobuntwana ukuya kwesobuntu obudala. Esi sigaba sikwalungiselela ukuba umfana …

Funda okunye

Amasiko ama Ngwe / Phuthini

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nawo amaPhuthi anawo amasiko njengazo zonke iintlanga. Kwakhona amasiko awo ayelelene nalawo enziwa zezinye izizwe ezintsundu zalapha eMzantsi koloni. Okokuqala nawo amaPhuthi ayakholelwa kubukho boMdali, uMvelinqangi okanye uNkulunkulu. Kwakhona, nawo amaPhuthi ayakholwelwa kwizinyanya kwaye bewenza amasiko ahambelana nokuhlonipha ababo abangasekhoyo. Imbeleko lisiko lokuqala ukwenzelwa umntwana nalapha kumaPhuthi. Isiko elilandelayo ezintomibini lisiko lentonjane okanye umhlonyane, ze …

Funda okunye

Amasiko ama Mpondomise

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nawo amaMpondomise awohlukanga ngokulandela amasiko njengezinye izizwe ezaziwa ngokuba ngabeNguni. Phofu ke akukho sizwe singenamasiko. NolwamaMpondomise unqulo luxuba inkolo yesiNtu naleyo yobuKrestu. Unqulo lwesiNtu lugudle ukwenza amasiko angengawo awecawe yesiLungu, koko iyeyenkonzo yemveli ehambelana nomlibo wesizwe. Ngokonqulo lwesiNtu izicelo nezingxengxezo zisiwa kuMdali, kodwa zidluliselwa kuye ngabadala bekhaya abangasekhoyo. Kuthiwa zizinyanya. Njengoko izindlu okanye iziduko zamaMpondomise …

Funda okunye

Amasiko ama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …

Funda okunye

Amasiko ama Xesibe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Asikho isizwe esingenasiko laso. Ukuba uthi awulenzi isiko, qiniseka ukuba awenzi eli kuthiwa lelakho kodwa ube ulenza elomnye. Umzekelo, Ukuba awuxhentsi, uyajayiva, ukuba awuthwali ntsimbi, uyawuthwala umnqwazi. Ukuba awuthethi ulwimi lwesizwe sakho, uthetha ulwimi lwesizwe somnye umntu, njalo njalo. AmaXesibe nawo anawo amasiko angawawo, nokuba sekukho ukufakelelwa ngamasiko ezinye iintlanga. Kodwa ke loo nto ayilichaphazeli …

Funda okunye

Amasiko ama Mpondo

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Isizwe samaMpondo sinamasiko athi akhokele okanye alawule intlalo yaso ngokobuzwe besiMpondo. Amasiko amaMpondo awohlukanga kuyaphi kumasiko ezinye izizwe ezintsundu, ngakumbi ezalapha eMzantsi Afrika. Into edla ngokohluka kukubizwa kwegama lelo siko. Kodwa malunga onke amasiko onqulo kumenywa ubukho bezinyanya lisasungulwa elo siko de liye kusongwa. Xa selisongwa kudluliswa umbulelo kwizinyanya ngokuthi zikhusele ukufezekiswa kwaloo mcimbi. Amasiko …

Funda okunye

Amasiko ama Bomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo nezinye izizwe zaseMbo ezingabeNguni, amaBomvana anamasiko afanayo nazo, kodwa kwamanye indlela yokuwenza yahlukile. Kwakhona akhona namanye amasiko awenziwa ngamaBomvana abe engenziwa zezinye izizwe zabeNguni. AmaBomvana akholelwa kubukho bukaMenzi. UMenzi nguYe owenza zonke izinto eziphilayo nezingaphiliyo ezilapha ehlabathini. AmaBomvana ayayazi ukuba uMenzi ungumoya kwaye uphila apha emoyeni. Kungoko akwaziyo ukufikelela kuyo yonke i ndawo, ngalo …

Funda okunye

Amasiko ama Bhaca

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca …

Funda okunye