Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca isiko lembeleko lenzelwa umntwana osandul’ ukuzalwa. Kwakhona, nanjengoko kusenzeka nakwezinye iintlanga eziNtsundu kukhe kuphosakale ukuba lenziwe ngelo xesha lobumveku bomntwana. Esona sizathu siphambili sesi sokuba sekwangenelela isiko lesiLungu apho iimbeleko, okanye iingubo, zithengwa ezivenkileni.
Kukhwakho nesiko lokuChaza olukwenziwa nangamaMpondo nezinye iziduko zakwaZulu. Ukuchaza lisiko apho kusikwa khona ubuso ngencakuba. Ngokwembali yamaBhaca, ukuchaza kwaqalwa ukwenziwa ngexesha likaMadzikane. Kuthiwa ngenxa yeemfazwe ezazikho ngaloo maxesha amaBhaca abalekela ehlathini kwaze kwakho elo phulo lokusika ubuso ukwenzela ukuba utshaba lungaqondi ukuba ngabo aba belibasukela.
Kwakhona amaBhaca aziwa ngokufukutha. Ukufukutha kukutya inyama iluhlaza okanye engavuthisiswanga. Naleyo kuthiwa yaqalwa ngexesha apho amaBhaca ayesesaba utshaba. Njengokuba amabutho amaBhaca ayesendleleni ebaleka olu tshaba kwacaca ukuba abhokelwa yindlala. Azama ukuthetha nomphathi wemikhosi ukuba makukhe kuthiwe vu kuxhelwe inkomo kwezo ayeziqhuba. Kuthiwa umphathi waye wathalalisa ngelithi bayafukufunyanwa lutshaba ukhe bema. Kodwa ngenxa yoxinzelelo oluvela kumabutho wade wavuma, bayixhela loo nkomo. Bathe besandul’ ukuyixhela lwe gqi utshaba. Kwadingeka ukuba bagxabhagxabhise ukuyitya loo nyama ikrwada injalo. Kwathiwa kukufukutha oko.
Kukho nomGqaba Bovu okanye uMhlonyane okuthiwa yiNtonjana ngesiXhosa ibe yiPhathu okanye uMhlonyane ngesiHlubi. Eli isiko lenzelwa intombazana emva kokuba iqalile ukuthomba okanye ukuya exesheni. Ngokwenzelwa eli siko idluliselwa kwisigaba sobuntombi enokukwenda.
Amanye amasiko aquka iTiye. Itiye lenzelwa ukubulela kuMdali nakumanyange. Oko kubulela kukwadityaniswa nokucela ukuze indlela yalowo ucelayo ibe mhlophe kwaye izale amathamsanqa.
Umgidi wenzelwa ukubinga kumanyange ngoko acela ukuba akwenzelwe. Mhlawumbi umntu ongasekhoyo wekhaya uvela ephupheni abike imeko yakhe efuna ungenelelo ngabo basaphilayo. Umzekelo, avele esithi uyagodola. Ngoko ikhaya lizakwenza umgidi wokumembathisa.
UmBondo singawulinganisa noduli. Abantu bakulomakoti basa umakoti emzini wakhe. Nokuba ebeselekhe wahlala emzini uyacelwa ngabakubo ukuba akhe agoduke. Xa sele esekhaya uyakubuye abuye kunye nabo bantu bakowabo bamkhaphayo, kuphethwe umqombothi, izonka nezinye izipho. Uzakukhatshwa ngoomama bakowabo kunye neentombi zakowabo. Bangakho ootata nabafana nokuba babini bathathu. Kodwa umcimbi wona ngumcimbi woomama kwaye uzakuqhutywa ngoomama.
Ukudliwa kwenkom’ encane. Inkom’ encane yinkomo exhelwa xa kusenda intombi engazange yagqajuzwa umhlumba (hymen) yinkwenkwe okanye umfana. Nje ngokuba mfamlibe amantombazana neentombi zazihlolwa ngoomama, yayisaziwa intombi esele yonakaliswe ngumfana nokuba ibingadanga yaba namntwana.
Sizakuyithi tyaa kuloo ndawo imbali yamaBhaca.