Ukuthonjiswa kwentombi kwaXhosa
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)
Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)
Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca …