Ukuthonjiswa kwentombi kwaXhosa

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Intombi ngokwakwaXhosa

Njengezinye izigaba zokukhula kwaXhosa, nangokwesiNtu gabalala, iminyaka ibingabalwa ngokwamanani, koko ibibalwa ngeziganeko. Kwakungekafiki beLungu ke ngoko, befika nokubalwa kwezinto ngokwamanani. Kunjalo ke nangomba wokukhula komntwana olibhinqa kwaXhosa. Kuqala kukho intombazana ze kubekho nentombi. La magama omabini abhekiswa kowasegoqweni ongekendi kwaye engekabi namntwana. Kodwa iyohluka intombazana entombini. Intombazana ngumntwana olibhinqa ongekayi exesheni kwaye engekathonjiswa. Intombi ngumntwana olibhinqa oseleyile exesheni waze wathonjiswa. Kwakhona intombazana sizakuthi ngumntwana olibhinqa ongekayi exesheni, ongekathonjiswa kwaye ekwisigaba sokudlala nokungena iimbutho namakhwenkwe. Intombi ngumntwana olibhinqa oseleyile exesheni, wenzelwa intonjane kwaye edlala angene neembutho nabafana.

Intonjane lisiko elenzelwa umntwana oyintombazana elimdlulisa kwisigaba sobuntombazana limdlulisela ukuya kwesobuntombi.Sisigaba esikumgangatho omnye nolwaluko kuba ulwaluko ludlulisela umntwana oyinkwenkwe, odlala namantombazana, limsa ebufaneni, obudlala neentombi. Ukudlala ke apha masikuthathe gabalala sithi kuquka zonke izinto ezenziwa seso sigaba, ukuquka iimbizo, imidlalo, iingoma, njalo njalo. Singatsho nokuthi intonjane lisiko lesibini elenzwelwa umntwana oyintombazana emva kwembeleko.

Ukusungulwa kwentonjana

Intonjana isuswa kukuba intombazana iye yafika exesheni. Oko kukuthi ngokwendalo kubakho ixesha enyangeni apho umntu olibhinqa okwisigaba esithile sokukhula aba nethombo legazi. Le meko yegazi iba yeyeentsuku ezimbalwa nyanga nganye. Ngenxa yokuhlonipha akude kuthethwe ngegazi okanye ukopha, koko kuthiwa usexesheni okanye uyahlamba. Oku kuhamba nokutshintsha nakumanye amalungu omzimba, umzekelo, ukuphuma amabele. Xa le ntombazana ifika exesheni okokuqala iye yazise unina, okanye loo mntu ongumama wayo okhoyo. Unina lowo wazisa uyise wentombazana ze kugqitywe ukuba makwenziwe eli siko lokuthombisa. Lingekenziwa eli siko, umama wentombazana uyamazisa ukuba kwenzekani na empilweni yakhe. Uyalungiswa ke umntwana ukuze angahlangani nabanye abantwana kwaye kubekho neendawo angayiyo kuzo ezinje ngobuhlanti. Lilonke uhlala ekhusini zonke iintsuku esesexhesheni.

Amalungiselelo entonjane kwaXhosa nomngeno

Xa umama sel’ emazisile utata, utata ulungiselela ukucela intlanganiso yebhunga. Umama uzakusila ukuze ngalo mhla webhunga bube sebulungile utywala obo obubizwa ngokuba ngumqombothi webhunga. Ebhungeni utata wazisa ibhunga ngemeko yentombazana kwanokuchaza ukuba uceba ukumthombisa kwaye ecela imvume yokwenza oko. Emva kokuba elazisile ibhunga umntwana uzakuxhwithelwa umsila wenkomo ozakuphothwa kwenziwe intambo ekuthiwa bubulunga ethiwe ganxa entanyeni.

Amanye amalungiselelo aquka ukutyatyekwa nokuvetwa kwezindlu kunye nokuthenga izinto ezizakudingeka entonjaneni. Oku kuquka izitya zokutyela, izitya zokuhlambela, amalaphi okuhlamba, iisepha, njalo njalo. Okubaluleke ngakumbi kukwakhiwa kwendlu apho intombazana izakungenela khona. Xa sele yakhiwe indlu le kuzakondlalwa ngengca ethambileyo ze kwenziwe umdiyadiya ngeengcongolo okanye ngekhuko elitsha. Le ndlu kuthiwa lijaka okanye eludweni okanye entonjaneni.

Mhlawumbi nesi sihlonipho sokuba kuthiwe intombazana iye engceni xa isexesheni, sisuka kule meko yokuba xe esejakeni ulala engceni kwaye uya khona ngenxa yokuba efike exesheni. Kule mihla akusakhiwa indlu entsha koko kusetyenziswa urontabile okhoyo phakathi kwezindlu zekhaya. Into ephambili nje yeyokuba akufunekanga ukuba ibe kwindawo apho inkqubo yakhona izakuphazanyiswa ngabanye abantu. Eyona-yona nto ebaluleke kakhulu kukuba ukungena kwentonjane kufuneka yenzeke xa inyanga isisonka, igcwele. Akukho xesha liqingqiweyo apho kuthiwa intonjane izakwenziwa ngenyanga ethile, ngexesha elithile. Inyanga nexesha kunye nomhla zigqitywa xa intombazana ifike exesheni naxa kuvunyelwene ebhungeni.

Ngosuku lomngeno utata uzakuxhela ibhokhwe angcamise umntwana emva kokuba ebize izinqulo zekhaya. Intombazana le ingcamiswa ngentsonyama esikwe kumkhono wasekunene. Izakuthiwa rhawu emlilweni ze yakulunga inculwe ngekhuni elenziwe tsolo ze anikwe ngalo ukuba ayitye. Akayiphathi ngezandla. Eli khuni lilo azakulisebenzisa naphaya ejakeni. Enye inyama iyaphekwa, kodwa laa mkhono wasekunene awuhlahlelwa kwaye wakuvuthwa uzakutyiswa intombazana le izakuthomba. Nayo uyitya kwangelaa khuni. Ukuba akawugqibanga loo mkhono, intsalela yenyama uzakuya nayo ejakeni apho azakuyitya ide iphele. Lo mkhono angcame kuwo kuthiwa ngumngenandlini.

Inyama yelaa cala lomkhono nayo iphekwa yodwa ze ityiwe ziintombi esezilenzelwe isiko lentonjane. Intsalela yenyama ityiwa ngabo bonke abantu ngokwamalungu enyama alunge kubo. Emva kokungcama intombi inikelwa koomama ukuya kungena ejakeni. Kuhle ke ukuthetha nangoko kwenziwayo xa intombi le iliwele, ngakumbi xa iliwele nenkwenkwe. Xa amawele engamantombazana omabini, azakwenzelwa intonjane ngexesha elinye kwaye nebhokhwe exhelwayo izakuba nye. Xa iwele liyinkwenkwe bobanini bazakungcama kulaa ntsonyama inye batye laa mkhono mnye. Emva kokuba betye umngenandlini elaa wele liyinkwenkwe lizakusiwa ejakeni ze lihlale apho iiyure ezimbalwa liphume, kube sekusiya kungena iwele lakhe eliyintombazana. Intonjane ithatha ixesha elimalunga neeveki ezintathu, mhlawumbi nganeno okanye ngaphezulu, kuxhomekeka kwiimeko zekhaya.

Intlalo yasejakeni kwaXhosa

Ukufika kwakhe ejakeni uzakukhulula impahla asale nenkciyo ayenze ngamaso aluhlaza okanye abomvu. Uthwala neqhiya yekhetshemiya emnyama. Umzimba wakhe wonke uqatywa ingceke, umhlophe qhwaa. Uzakuhlala emkhusaneni ke lonke ixesha lobukhwetha bakhe. Nakubeni zizakube zikhona iintombi zelali, amakhankatha, zimbi zizalana naye, abona bantu bazakube begadile ngumakazi wakhe okanye udadeboyise. Ngalo lonke ixesha lokuthomba kwakhe ufundiswa izinto ezilindeleke kuye njengentombi, ngakumbi indlela yokuziphatha nokuhlonipha abantu ngokwahlukana kwabo, abadala, oontanga kunye nabancinci. Eyona mfundiso engundoqo yeyokuba njengokuba sele engena exesheni nje, loo nto itheth’ ukuba angamitha ukuba unokulala nenkwenkwe okanye umfana. Ngoko ke kumlungele ukuba agweme ukuya esondweni engekatshati.

Ejakeni kusoloko kubasiwe ngalo lonke ixesha, imini nobusuku. Amakhankatha amane evuma iingoma zasentonjaneni. Zikhe zivume ezi ngoma zingqungqe nasenkundleni yekhaya de zijikeleze nobuhlanti. Kusuku lwesine okanye lwesithandathu kuzakwenziwa umfuziselo womtshato. Kukhethwa nokuba loluphi na usuku, kodwa ibe lusuku olungengomnqakathi. Isizathu sokukhetha usuku olungengomnqakathi kukuba umtshato ubandakanya abantu ababini, okanye imizi emibini. Kuzakuxhelwa inkabi yenkomo etyetyisiweyo. Xa sele ihlinziwe kuzakuthathwa umkhono wasekunene ugcinwe endlwini ekhethekileyo kuba uzakuphekwa lelinye lamakhankatha kusuku olulandelayo. Oko kugcina le nyama kuthiwa kukuvundiswa. Le nyama ayityiwa ngamantombazana angekenzelwa intonjane okanye angazange ayenzelwa. Xa sekutyiwa, intonjane ityiswa ngoluthi lwayo, etyiswa lelinye lamakhankatha. Esi sithethe sokuxhelwa kwenkomo sesona sibalulekileyo kwisiko lentonjane. Singumfuziselo wokuba intombi le izakutshata kwaye ikwangumnqweno wokuba makube njalo. Kukho umbono wokuba isiko lentonjane aligqibelelanga ungenziwanga lo mfuziselo womtshato.

Emva kolu suku lomtshato, ebusuku, intonjane kunye namakhankatha ayo baya endle apho kuyokuchithwa yonke into ebisetyenziswa yintonjane. Oku kuquka uluthi lokutya, izitya, amalaphi okunqanda ukuphalala kwethombo legazi. Xa sebefike endle apho kukhangelwa indawo enengca apho ezi zinto zisongelwa khona ze zitshiswe. Xa sele zitshisiwe bazakulukhaba olo thuthu belusasaza ukuze kungabikho mizila ebonakalisa ukuba bekukhe kwakho kwanto ebitshiswa kuloo ndawo. Oku kutshiswa kwezi zinto kuchaza ukuphela kwesigaba sobuntombazana nokungena kwisigaba esilandelayo sobuntombi. Kodwa loo nto iyakuqinisekiswa kukuba njengokuba kubuywa sekubalekwa nje entabeni, intonjane kufuneka igqotse kakhulu izishiye zonke ezinye iintombi ibikunye nazo ekutshiseni. Oku kuya kutshisa nokubuya kubalekwa kuthiwa kukutsiba intaba. Ukuba ngaba ithe yafunyanwa ngabanye intonjane ngeli lixa bekubalekwa, loo nto ithetha ukuba kuzakongezwa iintsuku zokuhlala kwayo entonjaneni. Enye into ebangela ukuba kongezwe iintsuku kukuba isuke iphinde ibe sexesheni ingekaphumi entonjaneni le ntonjane.

Ukubuya kwabo kuzakulalwa ze ngentseni intonjane inxityiswe impahla yokutshakaza. Izakucoca ijaka, ikhuphe yonke ingca ebifudula ilala kuyo kwakunye nothuthu lomlilo obukade ubaswa. Esakube ecocile uzakusinda ngobulongwe benkomo. Emva kwemini kuzakuphindwa kondlalwe ingca entsha ukubonisa isiqalo sobomi obutsha. Ngokokushiyana kweeziphaluka, intonjane izakuhlala ejakeni ezinye iintsuku ezilishumi ngaphambi kokuba iphume. Kwezi ntsuku kungenwa kwesinye isigaba sezifundo zasentonjaneni. Njengoko enxityiswe imphahla yokwenda, uzakufundiswa ukuba kulindeleke ukuba aziphathe njani na ekwendeni. Ufundiswa indlela amakamphathe ngayo umyeni kunye nabantu bomzi ukuze ubomi babo bomtshato bubemnandi.

Umphumo, umgidi nomngqungqo kwintonjane yesiXhosa

Ukuphela kweeveki ezintathu intonjane iyaphuma ejakeni. Ixesha lokuhlala ejakeni lixhomekeka nakwisiphaluka sentonjane leyo kwakunye nakwiimeko zokulandelwa kwesiko lelo khaya. Ngalo mhla womphumo iyakhutshwa yonke ingca kunye nemikhusane ebisetyenziswa ejakeni iyokujulwa kuleya ibilahlwe emva kwendlu ngokuya babebuywa kutshisa impahla ebisetyenziswa yintonjane. Yonke ke le ngca nalo mikhusane zizakutshiswa ze intonjane iyalelwe ukuba itsibe elo dangatye. Oko ke kukususa bonke ubumnyama obunokuba bebakheke ngelixa ebesejakeni. Emva koko intonjane kunye namakhankatha ayo baya emlanjeni ukuya kuhlamba ingceke. Kufuneka ehlambe emanzini ahambayo okanye abalekayo, hayi esizibeni okanye esadungeni.

Xa sel’ ehlambile uzakuthanjiswa ifutha umzimba wonke, abe seleqatywa elinye ifutha elimthubi, ekhuthiwa ngumdike, ebusweni. Ukuba unewele eliyinkwenkwe nalo lizakuhlamba kwakwesi siziba libe selingenelela kuloo nto yenziwa kwiwele lalo. Bazakunxiba impahla ezintsha babe sebesenjenjeya ukuya ekhayeni. Besendleleni eya ekhaya nje kungamayeyeye ngoomama, kuyayiyizelwa. Iintombi zivuma iingoma zentonjane. Intombi le ifikela ebuhlanti apho izakwamkelwa nguyise phantsi kwezibongo zekhaya. Uzakube sel’ eyibonisa inkabi yenkomo ezakumamkela. Emva koko iyahamba intombi iye koonina. Ebuhlanti abafana basala behlaba inkomo, zisenokubakho ke neegusha ezikhaphayo. Ngumngqungqo woomama neentombi, kuvunywa iingoma, kuyatyityinjwa, kutyiwa inyama nokunye ukutya. Kuyaselwa umqombothi nezinye iziselo. Njengokuba iintombi zivuma iingoma zentonjane, isingqi sokungqungqa zisenzelwa ngokuqhwatywa kwezandla ngoomama. Kumnandi kuyiloo nto.

Usuku olulandelayo ngumgidi. Iintombi iphelekwa ziintombi ukuza enkundleni. Akuziwa nje uhalala, koko kuvunywa iingoma kubethwa ngesingqi esinye. Phofu ke zonke zinxibe iinkciyo. Enkundleni phaya kuthe dwedwelele iinkondekazi kunye noomama ngokwahlukana kobudala babo. Umphathi-jaka unika ingxelo efinyeziweyo yokwenzekileyo ejakeni ukusukela kumhla wokuqala kude kube ngalo mhla intonjane iphume ngawo. Emva kwengxelo leyo intonjane iyayalwa ngoomama.Emva kokuyalwa iba zizidlo. Kodwa ke masiyazi ukuba abona bantu baxhamla kakhulu kwezi zidlo ziintombi. Kubakho nezipho eziziintlobo ngeentlobo eziphiwa intombi ephuma kwintonjane.

Intonjane; Intombi YomXhosa – Township Times
Umgidi wasentonjaneni (Ngoncedo lweBing Images)

Njengayo yonke imicimbi yakwaXhosa, usuku lwesithathu lusuku lweentloko, okanye usuku lwevanya. Liqongqothwa njalo isiko lentonjane.

Umfuziselo wesiko lentonjane kwaXhosa

Njengoko imizi ingafaniyo ngeentsiba, kukho leyo ingenamandla okufikelela kule nkqubo yentonjane ichaziweyo ngentl’ apha. Kwiimeko ezinjalo ikhona indlela eyamkelekileyo nevumelekileyo ekunokwenziwa ngayo. Akukho kuthi akukho nto inokwenziwa kuba kuyindalo ukuba ibhinqa liye exesheni xa lifika kwiminyaka ethile. Kwimeko enjalo ke into eyenziwayo kuxhwithwa uboya bomsila wenkomo yobulunga yekhaya. Ikhaya ke nguloo mzi unenkomo yobulunga ngokwesiduko selo khaya okanye ngokokuzalana ngokwegazi. Loo msila uza kuphothwa, kufakwe nentsimbi emhlophe, wenziwe intambo ngumakhulu okanye udadobawo womntwana lowo. Awuphothwa ngunina nokuba uzakube ekho xa kusenziwa loo msebenzi. Intambo igangxwa entanyeni kube sele iyalwa intombi leyo. Akukho sidingo sokuba kuxhelwe xa kuhanjwa ngale indlela kuba kaloku sisibambiso.

Leave a Reply