Isiko lolwaluko lwama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yesiko lolwaluko emaHlubini Akukho mbali ibhaliweyo ifumanekayo malunga nemvelaphi yesiko lokwaluka kumaHlubi. Kona kuyazeka ukuba lalikho kwamandulo. Imvelaphi yeli siko isenokuba isuka kwangelaa xesha amaHlubi ayeseseNgonini, ngaphambi kokuba bafudukele kumazantsi elizwe. Abanye ngababhali bembali, uTiyo Soga ngomnye wabo, uthi ngela xesha izizwe zaseMbo zazinefuthe lwenkolo yamaSirayeli. Abantu baseMbo abazange bangoluki ngokuphembelelwa lifuthe lesiko lamaSirayeli awayeyalelwe …

Funda okunye

Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe sabeNguni esasikhokelwa nguMnguni ukusuka kuMntla-Mpuma …

Funda okunye