Ubukumkani bama Hlubi (Ama Hlubi Kingdom)

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esinobukumkani baso. Ukubangaba babukho ubukumkani ngaphambi kokuba basokufika apha eMzantsi Afrika kungakholeleka ukuba loo kumkani yayinguMnguni. Masikhumbule kwakhona ukuba uXhosa noMthembu baye baqhuzuka kwiqela elalikhokelwa nguMnguni ze bamisela obabo ubukumkani. Singabuya sithi uMnguni waqhubekeka wangukumkani wemiHuhu namaNgele-ngele, njengoko besendichazile ukutshintshwa-tshintshwa kwamagama esi sizwe. Kodwa ke uMnguni wabudlulisela kunyana wakhe uChibi ubukumkani baza baqhubekeka …

Funda okunye

Imbali yesizwe sama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaHlubi Zininzi iimbali ezibaliswa ngesizwe samaHlubi. Zimbi zifumaneka ngokubaliswa ngomlomo ekubeni ezinye zibhalwe kwiincwadi ezithile. AmaHlubi sisizwe hayi isiduko. Isizathu sokuba nditsho yinto yokuba abantu abaninzi, ukuquka amaHlubi ngokwawo, bacinga okanye bazi ukuba eligama lithi Hlubi libhekiswa kooRadebe. Akunjalo. Eli gama lithi Hlubi ligama lesizwe. Imbali ithi amaHlubi ayinzala yesizwe sabeNguni esasikhokelwa nguMnguni ukusuka kuMntla-Mpuma …

Funda okunye

Iziduko zama Hlubi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi ngabantu abaneziduko ngeziduko ezahlukeneyo kodwa babe beluhlanga lwamaHlubi okanye isizwe samaHlubi. Umbhali wakudala nowayengumphandi wemvelaphi yesizwe samaHlubi uMnumzana H.M. Ndawo ulenzile igalelo lokudwelisa iziduko zamaHlubi njengoko kubhalwe ngezants’ apha: Dakana,Dinwa,Dladla,Dlamini,Dlomo/Dhlomo (Ingenguye lo unguMadiba),Dongwe,Dontsa,Duma,Gambu,Gatyeni,Hlangebi,Hlatywayo,Jali (Ingenguye lo unguMpemvu),Khambule – Mncube,Khasibe,Khesa,Khumalo,Langa,Lubelo,Ludwala,Mabaso,Maduna,Makhunga,Maphetha,Mashiyi,Masingila,Masoka,Mayaba,Mazibuko,Mbambo,Mbanjwa,Mbongwe,Mdluli,Miya,Mkhwane,Mlandu,Mnguni,Mntambo,Mpangela,Mpila,Msi-Skhosana,Msimanga,Mtungwa,Mvemve,Mvulane,Nala-nzima,Ndaba,Ndana,Ndlangisa,Ndlela,Ndlovu (Ndhlovu),Ndumo,Ngcobo,Nkala,Nkomo,Nkosi,Nkwali (Maphela),Ntambo,Ntethe,Ntlaphu,Phakathi,Radebe (Hadebe),Sibalukhulu,Sibiya,Sithole,Shandu kaNdaba,Shweme,Thuse,Tolo,Tshabalala,Tshabangu,Vundle,Xaba,Xolo (Manci),Zengele (Thiyane),Zondi,Zulu(Radebe) Olu luhlu akusukuba luzichaze zonke iziduko zamaHlubi. Kaloku angangehlabathi yolundi …

Funda okunye

Iziduko zoo Lubelo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Lubelo,Mbonana,Khoza,Mzizi,Mlalandle,Mnyasa,Indlu ay’valwa ivalwa ng’amakhand’amadoda,S’hlahla somnquma sithi sigecwa sibe sihluma,Mhlwane,S’gayela,UMpofana neThukela,Umlambo awuwelwa muntu uwelwa zinkonjhane zodwa ng’oba zona zibhabha phezulu,UChobololo ondzipho zimnyama ng’ok’qhwayana Enye indlela yokuzithutha koo Lubelo Lubelo,Mzizi,Hlwani,Zibula,Mpofana noThukela,S’hlahla somquma syawanqind’amazembe,Mlambo oon’awelwa owela zinkonjane ‘kphela zon’ezbhabha phezulu,Mfaz’obelelide oncelisa nabang’aphesheya,Mfaz’ombi akalahlwa ugcinelwa mhlalikhithikayo,S’thebe sok’silela amavila namavilazana,S’gayela,S’khetho,Abavela baphangalala baz’xelizintlwa bathi gqa-gqa,Mlalandle,OoMlambawuwelwe uwelwa ziiNkonjane zona zinamaphiko zibhabha phezukomfula,OoNtombi …

Funda okunye