Lubelo,
Mbonana,
Khoza,
Mzizi,
Mlalandle,
Mnyasa,
Indlu ay’valwa ivalwa ng’amakhand’amadoda,
S’hlahla somnquma sithi sigecwa sibe sihluma,
Mhlwane,
S’gayela,
UMpofana neThukela,
Umlambo awuwelwa muntu uwelwa zinkonjhane zodwa ng’oba zona zibhabha phezulu,
UChobololo ondzipho zimnyama ng’ok’qhwayana
Enye indlela yokuzithutha koo Lubelo
Lubelo,
Mzizi,
Hlwani,
Zibula,
Mpofana noThukela,
S’hlahla somquma syawanqind’amazembe,
Mlambo oon’awelwa owela zinkonjane ‘kphela zon’ezbhabha phezulu,
Mfaz’obelelide oncelisa nabang’aphesheya,
Mfaz’ombi akalahlwa ugcinelwa mhlalikhithikayo,
S’thebe sok’silela amavila namavilazana,
S’gayela,
S’khetho,
Abavela baphangalala baz’xelizintlwa bathi gqa-gqa,
Mlalandle,
OoMlambawuwelwe uwelwa ziiNkonjane zona zinamaphiko zibhabha phezukomfula,
OoNtombi zibelelide lona lincancisa phesheya komfula,
OoKwindla iza iMacocobela,
AmaHlubi