Intsomi yesiXhosa: Amakhumsha amathathu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kwakukho amakhwenkwe amathathu. Athe esakuba ekhulile, acinga ukuba ayokufuna umsebenzi kwamlungu. Ingxaki yawo kukuba awazange alibeke emnyangweni wesikolo, okanye aphuma kwangentlazane kungekafikwa kwizifundo zesiNgesi. Acela mntu uthile ukuba abancede ukuba bangakhumsha kanjani na emlungwini njengokuba bezakuya kufuna umsebenzi. Umcebisi lo uthe umlungu uza kubuza ukuba bangaphi na njengokuba befuna umsebenzi nje. Bona …

Funda okunye

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye

Ulwimi lwama Xesibe

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo zonke izizwe ezaziwa ngokuba zizizwe zabeNguni, nawo amaXesibe alufumana ulwamvila lokuba akakazwe ngolwimi olukhethwe ngamakoloniyale nabacinezeli. Loo meko seyade yaba nezimvi kuba kaloku kwakwabaqalayo ezikolweni banunuswa ngolwimi lwesiXhosa. Kumaziko olawulo akufunwa limbi ulwimi lwesiNtu kule mimandla yaseMpuma Kapa ngaphandle kwesiXhosa. Kusasetyenziswa uswazi ezikolweni ubuyakulicula elandincamisayo ukhe wangathi uthetha ulwimi olungesosiXhosa. Nawo amaXesibe afukanyiswe kuloo …

Funda okunye

Ulwimi lwama Bomvana

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ulwimi lwamaBomvana sisiBomvana. AmaBomvana nawo awazange asinde kwizembe lokuba kuthiwe angamaXhosa. Ayizange ibasithele abalawuli neyokuba amaBomvana nawo angabeNguni. Kodwa kuko konke oko abazange balivume kwaye basamkele isiBomvana njengolwimi olusemthethweni. Kungoko nawo amaBomvana anyanzeleka ukuba athethe isiXhosa kuzo zonke iindawo zolawulo, kuquka iCawe, kwaye kwanyanzeleka nokuba asifunde ezikolweni. Kungoko uyakufumanisa ukuba nawo asikhupha nangeempumlo isiXhosa. Kodwa …

Funda okunye

Ulwimi lwama Bhaca

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ulwimi lwamaBhaca sisiBhaca. Njengaso nasiphi na isizwe esizimeleyo, amaBhaca nawo anolwimi lwawo. Ulwimi lwesiBhaca lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati, maxa wambi ayabandakanywa namaMpondo. Kukho impazamo ethi ulwimi lwamaBhaca sisiXhosa. Loo meko yazalwa yingcinezelo apho amaKoloniyali nabocalulo i-Apartheid bazibopha ngebhanti elinye ezinye izizwe eziNtsundu bathi ngabeNguni, kwaza kwagqitywa kwangabo …

Funda okunye