Intsomi yesiXhosa: Amakhumsha amathathu
Kwahlala, kwahlala kwayintsomi. Kwakukho amakhwenkwe amathathu. Athe esakuba ekhulile, acinga ukuba ayokufuna umsebenzi kwamlungu. Ingxaki yawo kukuba awazange alibeke emnyangweni wesikolo, okanye aphuma kwangentlazane kungekafikwa kwizifundo zesiNgesi. Acela mntu uthile ukuba abancede ukuba bangakhumsha kanjani na emlungwini njengokuba bezakuya kufuna umsebenzi. Umcebisi lo uthe umlungu uza kubuza ukuba bangaphi na njengokuba befuna umsebenzi nje. Bona …