Ulwimi lwama Bhaca
ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso
Ulwimi lwamaBhaca sisiBhaca. Njengaso nasiphi na isizwe esizimeleyo, amaBhaca nawo anolwimi lwawo. Ulwimi lwesiBhaca lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati, maxa wambi ayabandakanywa namaMpondo. Kukho impazamo ethi ulwimi lwamaBhaca sisiXhosa. Loo meko yazalwa yingcinezelo apho amaKoloniyali nabocalulo i-Apartheid bazibopha ngebhanti elinye ezinye izizwe eziNtsundu bathi ngabeNguni, kwaza kwagqitywa kwangabo …