Ulwimi lwamaBhaca sisiBhaca.
Njengaso nasiphi na isizwe esizimeleyo, amaBhaca nawo anolwimi lwawo. Ulwimi lwesiBhaca lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati, maxa wambi ayabandakanywa namaMpondo.
Kukho impazamo ethi ulwimi lwamaBhaca sisiXhosa. Loo meko yazalwa yingcinezelo apho amaKoloniyali nabocalulo i-Apartheid bazibopha ngebhanti elinye ezinye izizwe eziNtsundu bathi ngabeNguni, kwaza kwagqitywa kwangabo ukuba iilwimi zesiNguni ezivumelekileyo emthethweni sisiXhosa nesiZulu. Zonke ezinye zange kuvumeleke ukuba zithethwe kumaziko karhulumente. Kungoko ke namaBhaca anyanzeliswa ukuba afunde isiXhosa kwaye athethe isiXhosa. Nala akwaZulu-Natal, njengala aseMzimkhulu naseXopo wona anyanzeliswa ukuba afunde isiZulu kwaye athethe isiZulu xa ekumaziko karhulumente. Kanti ke nalo mcimbi wokutshintshwa kwemida kulihexisile ulwimi lwesiBhaca. Umzekelo, ngaphambi kolonyulo lokuqala lwentando yoninzi amaBhaca aseMzimkhulu kwakufuneka ethethe, kwaye efundiswa, isiXhosa esikolweni. Ngelo xesha uMzimkhulu wawuphantsi kwephondo leMpuma Koloni. Guququ emva kolonyulo nanko esabelwa ukuba ubephantsi kweKwaZulu-Natal. Kwafuneka ukuba amaBhaca aphinde agobe ulwimi kuba ngoku kwakulindeleke ukuba athethe isiZulu.
Phofu ke nakulorhulumente wentando yeninzi, nolawulwa ngumgaqo siseko, akukho nguqu ekuwongeni njengezisemthethweni iilwimi zezi zizwe ezazisakuwongwa njalo nakulawulo lwabaMhlophe ekuthiwa lolwengcinezelo.
Noko kunjalo awazange alulahle ulwimi lwawo amaBhaca kuba lusathethwa nanamhlanje ekuhlaleni nasemakhayeni. Oko kukuthi nokuba iinjongo zabacinezeli zazikukulibhangisa ulwimi lwesiBhaca, lona aluzange lwafa.
AmaBhaca wona athi ayathsefula xa achaza ulwimi lwawo okanye indlela athetha ngayo. Awathi ayatekela. Xa ethetha athi ayabhobha. Siza kucaphula nje amanye amagama esiBhaca, siwaguqulele kwawesiXhosa njengoko le mbali siyenza ngolwimi lwesiXhosa.
| isiBhaca | isiXhosa |
| Amanti | Amanzi |
| Ave kuhisiBhaca | AyisosiBhaca eso |
| Bekuhum | Ibindim |
| Bekungeve kuhum | Ibingendim |
| Bovu | Bomvu |
| Cija | Xoka |
| Ee, Makhosi! | Bayete! |
| Embili | Phambili |
| Hum | Ndim |
| Ihloko / Inhloko | Intloko |
| Ijiki | Utywala |
| Iligxa | Ihlathi |
| Ilive | Ilizwe |
| Indvodza | Indoda |
| Indzaba | Into |
| Inhlanti | Intlanzi |
| Intfombi | Intombi |
| Isihula | Isidenge |
| Isitiba | Isiziba |
| Itulu | Izulu |
| Khamba | Hamba |
| Kwithsi | Ekhaya/ Kokwethu/ Kowethu |
| Lindza | Linda (Ukugada) |
| Mantsambama | Emva kwemini |
| Mhemha | Beleka |
| Ndlunkulu | Kumkanikazi |
| Ngesheya | Ngaphesheya |
| Ngononqane | Emin’ emaqanda |
| Sundvu | Ntsundu |
| Tabo | Zabo |
| Tiyabhobha | Siyathetha |
| Tshandza | Thanda |
| Tshetsha | Khawuleza |
| Tshitsha | Betha |
| Uhlaka | Ucango |
| Ukutalwa | Ukuzalwa |
| Ukuveta | Ukuveza |
| Ukuvova ijiki | Ukuhluza utywala |
| Ukuxina | Ukoyisa |
| Ukwenta | Ukwenza |
| Umfati | Umfazi |
| Umntfu | Umntu |
| Umnyati | Ingobozi |
| Umthsi | Umthi |
| Umti | Umzi |
| Umtimba | Umzimba |
| Zwaca | Marhatya |
Masiqonde ke mawethu ukuba besicaphula nje ukubonisa ukuba amaBhaca anolwimi lwawo olusisiBhaca. Kwakhona, njengokuba sicaphula kolu lwimi nje asakhanga ntetho okanye izivakalisi ezibonisa ukusetyenziswa kwala magama esiBhaca. Mhlawumbi zikhona ke iincwadi ezingolwimi lwamaBhaca nezibhalwe ngesiBhaca.