Ulwimi lwama Bhaca

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ulwimi lwamaBhaca sisiBhaca.

Njengaso nasiphi na isizwe esizimeleyo, amaBhaca nawo anolwimi lwawo. Ulwimi lwesiBhaca lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati, maxa wambi ayabandakanywa namaMpondo.

Kukho impazamo ethi ulwimi lwamaBhaca sisiXhosa. Loo meko yazalwa yingcinezelo apho amaKoloniyali nabocalulo i-Apartheid bazibopha ngebhanti elinye ezinye izizwe eziNtsundu bathi ngabeNguni, kwaza kwagqitywa kwangabo ukuba iilwimi zesiNguni ezivumelekileyo emthethweni sisiXhosa nesiZulu. Zonke ezinye zange kuvumeleke ukuba zithethwe kumaziko karhulumente. Kungoko ke namaBhaca anyanzeliswa ukuba afunde isiXhosa kwaye athethe isiXhosa. Nala akwaZulu-Natal, njengala aseMzimkhulu naseXopo wona anyanzeliswa ukuba afunde isiZulu kwaye athethe isiZulu xa ekumaziko karhulumente. Kanti ke nalo mcimbi wokutshintshwa kwemida kulihexisile ulwimi lwesiBhaca. Umzekelo, ngaphambi kolonyulo lokuqala lwentando yoninzi amaBhaca aseMzimkhulu kwakufuneka ethethe, kwaye efundiswa, isiXhosa esikolweni. Ngelo xesha uMzimkhulu wawuphantsi kwephondo leMpuma Koloni. Guququ emva kolonyulo nanko esabelwa ukuba ubephantsi kweKwaZulu-Natal. Kwafuneka ukuba amaBhaca aphinde agobe ulwimi kuba ngoku kwakulindeleke ukuba athethe isiZulu.

Phofu ke nakulorhulumente wentando yeninzi, nolawulwa ngumgaqo siseko, akukho nguqu ekuwongeni njengezisemthethweni iilwimi zezi zizwe ezazisakuwongwa njalo nakulawulo lwabaMhlophe ekuthiwa lolwengcinezelo.

Noko kunjalo awazange alulahle ulwimi lwawo amaBhaca kuba lusathethwa nanamhlanje ekuhlaleni nasemakhayeni. Oko kukuthi nokuba iinjongo zabacinezeli zazikukulibhangisa ulwimi lwesiBhaca, lona aluzange lwafa.

AmaBhaca wona athi ayathsefula xa achaza ulwimi lwawo okanye indlela athetha ngayo. Awathi ayatekela. Xa ethetha athi ayabhobha. Siza kucaphula nje amanye amagama esiBhaca, siwaguqulele kwawesiXhosa njengoko le mbali siyenza ngolwimi lwesiXhosa.

isiBhacaisiXhosa
AmantiAmanzi
Ave kuhisiBhacaAyisosiBhaca eso
Bekuhum Ibindim
Bekungeve kuhumIbingendim
Bovu Bomvu
Cija Xoka
Ee, Makhosi!Bayete!
Embili Phambili
Hum Ndim
Ihloko / InhlokoIntloko
Ijiki Utywala
Iligxa Ihlathi
IliveIlizwe
IndvodzaIndoda
IndzabaInto
Inhlanti Intlanzi
Intfombi Intombi
Isihula Isidenge
Isitiba Isiziba
Itulu Izulu
Khamba Hamba
KwithsiEkhaya/ Kokwethu/ Kowethu
Lindza Linda (Ukugada)
Mantsambama Emva kwemini
Mhemha Beleka
Ndlunkulu Kumkanikazi
Ngesheya Ngaphesheya
Ngononqane Emin’ emaqanda
SundvuNtsundu
Tabo Zabo
Tiyabhobha Siyathetha
Tshandza Thanda
Tshetsha Khawuleza
TshitshaBetha
Uhlaka Ucango
Ukutalwa Ukuzalwa
UkuvetaUkuveza
Ukuvova ijiki Ukuhluza utywala
Ukuxina Ukoyisa
Ukwenta Ukwenza
Umfati Umfazi
Umntfu Umntu
Umnyati Ingobozi
Umthsi Umthi
Umti Umzi
UmtimbaUmzimba
ZwacaMarhatya

Masiqonde ke mawethu ukuba besicaphula nje ukubonisa ukuba amaBhaca anolwimi lwawo olusisiBhaca. Kwakhona, njengokuba sicaphula kolu lwimi nje asakhanga ntetho okanye izivakalisi ezibonisa ukusetyenziswa kwala magama esiBhaca. Mhlawumbi zikhona ke iincwadi ezingolwimi lwamaBhaca nezibhalwe ngesiBhaca.

Leave a Reply