Imbali yesizwe sama Bhaca Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yamaBhaca AmaBhaca sisizwe esinobukumkani baso. Kuhle ukuyiqala ngolu hlobo imbali yamaBhaca ngoba njengazo zonke izizwe eziNtsundu okanye ezakwaNtu kukho impazamo yokuthi ezinye izizwe ziziziduko ezikwezinye izizwe. Ukuphuhlisa le nto bambalwa abantu abangayaziyo into yokuba kuthiwa amaBhaca angamaXhosa. Ayichakananga loo nto. Zizinto ezenziwa ngamaKoloniyali ngokucinezela ubuzwe bezinye iintlanga. Obo buzwe buquka namasiko azo, wona angundoqo …

Funda okunye

Iziduko zama Bhaca Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Izibongo zeziduko zamaBhaca ziyafumaneka kweli qonga. Apha ngezantsi sidwelisa nje iziduko zamaBhaca: Bhovu,Dzanibe,Jokweni,Juta,Luthuli,Machiya,Madlela,Mahlawe,Mavuma,Mbotho,Mjoli,Mpovane,Mweli,Ncwabe, Sondzaba,Wushe,Zulu  Kukho enye indawo emasiyicinezele njengokuba sithetha ngeziduko zamaBhaca nje. Nanjengokuba kunjalo kuzo zonke iintlanga eziNtsundu, kukho ezinye iintlanga eziphila kunye namaBhaca kumhlaba wamaBhaca. Loo nto ayithethi ukuba ezo ziduko okanye abo bantu bezo ziduko bangamaBhaca, koko baseso sizwe basiso, kodwa bephila kumhlaba …

Funda okunye

Ulwimi lwama Bhaca

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Ulwimi lwamaBhaca sisiBhaca. Njengaso nasiphi na isizwe esizimeleyo, amaBhaca nawo anolwimi lwawo. Ulwimi lwesiBhaca lubalelwa phantsi kolwimi ekuthiwa kukuTekela. Oku kuquka ulwimi olusetyenzisa ngamaHlubi, amaNdebele, amaSwati, maxa wambi ayabandakanywa namaMpondo. Kukho impazamo ethi ulwimi lwamaBhaca sisiXhosa. Loo meko yazalwa yingcinezelo apho amaKoloniyali nabocalulo i-Apartheid bazibopha ngebhanti elinye ezinye izizwe eziNtsundu bathi ngabeNguni, kwaza kwagqitywa kwangabo …

Funda okunye

Amasiko ama Bhaca

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca …

Funda okunye