Iziduko zama Bhaca Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Izibongo zeziduko zamaBhaca ziyafumaneka kweli qonga. Apha ngezantsi sidwelisa nje iziduko zamaBhaca:

Bhovu,
Dzanibe,
Jokweni,
Juta,
Luthuli,
Machiya,
Madlela,
Mahlawe,
Mavuma,
Mbotho,
Mjoli,
Mpovane,
Mweli,
Ncwabe
Sondzaba,
Wushe,
Zulu 

Kukho enye indawo emasiyicinezele njengokuba sithetha ngeziduko zamaBhaca nje. Nanjengokuba kunjalo kuzo zonke iintlanga eziNtsundu, kukho ezinye iintlanga eziphila kunye namaBhaca kumhlaba wamaBhaca. Loo nto ayithethi ukuba ezo ziduko okanye abo bantu bezo ziduko bangamaBhaca, koko baseso sizwe basiso, kodwa bephila kumhlaba wamaBhaca kwaye belawulwa ziinkosi zamaBhaca kunye nekumkani yamaBhaca. Kungako ke singazifakanga ezo ziduko kolu luhlu lungentla. Umzekelo, akakho uRhadebe oliBhace. URhadebe okwaBhaca liHlubi elakhe kumhlaba wamaBhaca. Kuyafana ke nakooMazibuko, Bhele, Ndlovu, njalo njalo.

Kuyafana nokuba ekho nawo amaBhaca aphila kumhlaba wezinye iintlanga. Nawo awayeki ukuba ngamaBhaca koko angamaBhaca aphila kumhlaba wezo ntlanga kwaye ebusa iinkosi zezo ntlanga.

Leave a Reply