Iziduko zoo Wushe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Wushe,
Godla,
Mjoli,
Maphalala,
Sgida sigida ngenyam’ ehambayo,
Phathwa,
Qubulashe,
Mthsi owathsi ukuwa wabhekisa amasebe eThukela,
Nonkasa,
Mbedu,
Omaphungel’ esosini amakomitshi ekhona,
Masindza ngonwalu itizwana tisindza ngobulongwe,
Godongwana kaMjoli,
KaBekwa,
KaWushe,
KaLufulwenja,
KaMageba,
Kwakhala intaka yathi Joli-Joli

Enye indlela yokuzithutha zoo Wushe

Wushe,
Mjoli,
Maphalala,
Phathwa,
Magwenyana
Qubulashe,
Gaga mgubela
Mthsi owathsi ukuwa wabhekisa amasebe eThukela,
Nkonjan’  emnyam’ endand’ emafini
Nonkasa,
Mbedu,
Nonina
Omaphungel’ esosini amakomitshi ekhona,
Masindza ngonwalu itizwana tisindza ngobulongwe,
Sikhumba esalala amadoda alishumi elinesibhozo akwabhengu
Sikhumba sithi sibethwa sibe singandi.
Sigida ngobambo sishiy’ inyam’ ihleli
Tshungutshungu laduma lasibekela
Tshungutshungu moya wamaMpondo
Godongwana kaMjoli,
KaBekwa,
KaWushe,
KaLufulwenja,
KaMageba,
Kwakhala intaka yathi Joli-Joli

2 thoughts on “Iziduko zoo Wushe Clan Names”

  1. Mjoli ,Bhaca, Qubulashe,Nonina, Zulu ,Wushe,Nofisa ,Noni,into edla inyama iluhlaza ithi iyayifukutha

    Reply
    • Tsi watsho kamnandi Nozuko, ndiyabulela ngokusabela kuvimba wakuni. Nindawoni nina ngokuhlala?

      Reply

Leave a Reply