Iziduko zoo Wushe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Wushe,Godla,Mjoli,Maphalala,Sgida sigida ngenyam’ ehambayo,Phathwa,Qubulashe,Mthsi owathsi ukuwa wabhekisa amasebe eThukela,Nonkasa,Mbedu,Omaphungel’ esosini amakomitshi ekhona,Masindza ngonwalu itizwana tisindza ngobulongwe,Godongwana kaMjoli,KaBekwa,KaWushe,KaLufulwenja,KaMageba,Kwakhala intaka yathi Joli-Joli Enye indlela yokuzithutha zoo Wushe Wushe,Mjoli,Maphalala,Phathwa,MagwenyanaQubulashe,Gaga mgubelaMthsi owathsi ukuwa wabhekisa amasebe eThukela,Nkonjan’  emnyam’ endand’ emafiniNonkasa,Mbedu,NoninaOmaphungel’ esosini amakomitshi ekhona,Masindza ngonwalu itizwana tisindza ngobulongwe,Sikhumba esalala amadoda alishumi elinesibhozo akwabhenguSikhumba sithi sibethwa sibe singandi.Sigida ngobambo sishiy’ inyam’ ihleliTshungutshungu …

Funda okunye

Iziduko zoo Hlathi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Mfene,Nyanda yemikhonto,Majola,Jama,Ngqulunga,Hlathi,Canzi,Lisa,Jambase,Sanzanza,Owanzanzel’ emntwini kwavel’ umntu,Uhla ngomv’ eweni,U dl’umhluz’inyam’ engayi tyanga,Umpundu zilingen’ ukusuza,Uphala ngezandla Enye indlela yokuzithutha koo Hlathi/Mfene Hlathi,Mfene,Lisa,Jambase,Sanzanza,Canzi,Buswayo,Hlangomv’ eliweni,Msuthu,Bhatala,Mazabiwe,Zawukana,Phala ngezandla iinyawo zikhona,Machoph’ etyeni,Bhogrom,Mzimb’ onoboya,Mfen’ ezimabutho ahlukana ukutshona kwelanga