Amasiko ama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …

Funda okunye

Amasiko ama Bhaca

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengazo zonke izizwe eziNtsundu, phofu nezimhlophe nezebala, amaBhaca nawo anamasiko awo awenziwa ngendlela yawo. Amanye awo amagama abizwa ngawo afana twatse nendlela abizwa ngawo nazezinye izizwe eziNtsundu, mhlawubi kubekho nje ukwahluka kupelo, kodwa kube kubhekiswa kwinto enye okanye eyenziwa ngokufanayo. Umzekelo, Imbeleko, yimbeleko ngesiBhaca nangesiXhosa, yimbeletho ngesiZulu, yiMbididi okanye iThari ngesiHlubi ibe yiTare ngesiSuthu. NakwaBhaca …

Funda okunye