Isiko lolwaluko lwama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Imvelaphi yesiko lolwaluko emaHlubini Akukho mbali ibhaliweyo ifumanekayo malunga nemvelaphi yesiko lokwaluka kumaHlubi. Kona kuyazeka ukuba lalikho kwamandulo. Imvelaphi yeli siko isenokuba isuka kwangelaa xesha amaHlubi ayeseseNgonini, ngaphambi kokuba bafudukele kumazantsi elizwe. Abanye ngababhali bembali, uTiyo Soga ngomnye wabo, uthi ngela xesha izizwe zaseMbo zazinefuthe lwenkolo yamaSirayeli. Abantu baseMbo abazange bangoluki ngokuphembelelwa lifuthe lesiko lamaSirayeli awayeyalelwe …

Funda okunye

Iziduko zoo Nkomo Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaNkomo amahle,Iinkomo zikaNkomo,ZikaNgubeni,ZikaMntungwa,ZikaYengwayo,ZikaManxeba,ZikaMazothe,ZikaMaling’a,ZikaMasikana,ZikaMagajana,ZikaMkhontwana,ZikaNdima,ZikaGolela,ZikaMazwi,Omkhont’ awubolekisi kub’usandul’ukulolwa,OoNjikazi,Amarhiwula ntaba,Int’ ezingathi nkosi mntwini kuba zizinkosi ngokwazo,Nina enala ukudla umlenze wenkomo kwaBulawayo,Nathi ngumlenze wankomoni lo?Ubun’ekho yini oweziNkomo zakithi eNgome?Nkomo ebomvu eyavula inqaba ngezimpondo kwelaseNgome,Sifefeza ngegazi lembuzi lapho sinyathela khona,Abantu abagqok’ingubo yobukhosi yang’abalingani,Mazalakwande,Heheni Mankomo nibahle ninjeng’obhedu lomsingizane,AmaHlub’ ekhethu,MaHlubi amahle,Camagwini MaNkomo,Camagwini maHlubi amahle

Amasiko ama Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Njengaso nasiphi na isizwe, nawo amaHlubi anamasiko awalandelayo kunye nezithethe azilandelayo. Kodwa ke wona amaHlubi awathi zizithethe koko athi yimikhuba. Ngoko ke ngokwesiHlubi kuthiwa amasiko nemikhuba. Malunga nazo zonke izizwe eziNtsundu ngakumbi ezi kuthiwa ngabeNguni zithanda ukuba namagama afanayo okanye ayeleleneyo amasiko azo, kodwa noko kunjalo kuyahluka ukwenziwa kwawo. Enye into eqaphelekayo yeyokuba nalapha emaHlubini amasiko …

Funda okunye

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye