Iziduko zoo Nkosi Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Nkosi,Mthimkhulu,Bhungane ka Ntsele,Umarhog’ uyababa nje ngetjhong’o le ntaba,Undindiliza ukuwa kwendlovu,Uncinininde engakhiwa ngamavila ekhiwa zizikhuthalikazi,Nazo ziyikha ngokudontsisana,Uncinininde eyamila esizibeni kazi iyokhiwa ngubani,Iyokhiwa nguNosele,Umthi wombelebele awathi ewugeca amadoda athindeka amazembeUmthi ungamila kanti ngaphakathi lizwendla,Undevu zamila ebubini zamila kwasothondoshe,UBhucwa owabhucwa obuthakathaka laze layotshonilanga,Isigoloza esimehlo mabi esagolozela uMzilikazi phesheya kweThukela,Ugabadela owagabadela phesheya komzinyathi,Ngabenhlabathi yoLundi noThukela engafika beyi hlenga beyihlakazanam …

Funda okunye

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye

Iziduko zoo Rhadebe Clan Names

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Rhadebe,Mthimkhulu,Bhungane,Mathotholo,Mafuz’afulele njengelifu lemvula,Mfaz’obele lide oncelisa umntwana ngaphesheya komfula,UNdlubu zamil’emthondweni,Hlangebi,Hula,Nasele,Mashwabada,Mthimkhulu,Umth’omkhulu ongadliwa nazibhokhwe,Ndlebentle zombini kude kuthi le yasekunene,IRheledwane,Ungahlal’ ebumnyameni, uhlal’ ekukhanyeni,A! Bhungane!Wena wawela uThukela wakrwec’amanzi alo,Bagungq’ ononkala badidiyela.Yavel’imibhucwa,Bavel’ooZulu, oomaShwabada,Abashwabadel’iinkomo kunye neempondo,Oompundwana zincinci zinga zingangiwa,Oomfazi babele lide lincancisa bonke abantwana,Elamuncis’umntwana waphesheya komfula,Oononkala,Oonzipho zimnyama ngokuqhwayana Enye indlela yokuzithutha koo Rhadebe Rhadebe,Bhungane kaNsele,Zikode,Makhulukhulu,Mthimkhulu omagqab’ akrakra awatyiwa nayibhokhwe,Ibhokhwe iwatya ngenxa yokurhala,Ndlebe zikhany’ ilanga,Ndlebentle …

Funda okunye