Ulwimi lwaba Thembu

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

Kunzima ukuma phezu kwendlu ukhwaze uthi nalu ulwimi lwabaThembu. Umnumzana Mninawe Mava Mtirara uyishwankathela ngelithi, ‘kunzima ukwehlula abaThembu kwezinye izizwe abaphila nazo ngoba abaThembu benza loo nto yenziwa zezo zizwe’. Kunjalo nakumba wolwimi. AbaThembu baseMpuma Kapa, phofu ke nabaseNtshona Kapa, bathetha isiXhosa. Akukho lwimi lumbi olukhethekileyo ekuthiwa sisiThembu, umzekelo. Esikolweni nasemakhaya kuthethwa isiXhosa. Nababhali abangabaThembu …

Funda okunye

Ulwimi lwesi Hlubi

ℹ️ Ulwazi oluvela kuluntu · Funda isilumkiso

AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.  Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.  Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha …

Funda okunye