Kunzima ukuma phezu kwendlu ukhwaze uthi nalu ulwimi lwabaThembu. Umnumzana Mninawe Mava Mtirara uyishwankathela ngelithi, ‘kunzima ukwehlula abaThembu kwezinye izizwe abaphila nazo ngoba abaThembu benza loo nto yenziwa zezo zizwe’.
Kunjalo nakumba wolwimi. AbaThembu baseMpuma Kapa, phofu ke nabaseNtshona Kapa, bathetha isiXhosa. Akukho lwimi lumbi olukhethekileyo ekuthiwa sisiThembu, umzekelo. Esikolweni nasemakhaya kuthethwa isiXhosa. Nababhali abangabaThembu ababhala ngesiNtu babhala ngesiXhosa. Sibayeke ke aba bakhetha ukuligoba kuba ayisosifo sabaThembu bodwa eso, ngubhubhane wesizwe esiNtsundu jikelele.
Sibuye siye kwaba baThembu bakwaZulu-Natal. Nabo bakhuluma isiZulu. Alukho olunye ulwimi lwesiNtu abalikhulumayo, besithi lulwimi lwenkobe, ngaphandle kwesiZulu. Mhlawumbi ke abanye bangade babe bakhuluma isiHlubi okanye isiLala okanye isiBhaca. Kodwa wena, ungazaziyo ezo lwimi awunakukwazi ukohlula okhuluma isiZulu okanye ezo lwimi. Nikhumbule ukuba abo baseMzimkhulu, mhlawumbi naseXopo, ulwimi olunokuba luyasetyenziswa emakhaya sisiBhaca nesiXhosa eMzimkhulu.
Asikho apho, kodwa okona kuphambili kukuba olona lwimi luthethwa ngabaThembu baseMpuma- naseNtshona Kapa sisiXhosa, abaKwaZulu-Natal sisiZulu.