AmaHlubi asisizwe esizimeleyo esinolwimi laso. Ulwimi lwamaHlubi lwahlukile kwiilwimi zezinye izizwe zalapha eMzantsi Afrika. Ulwimi lwamaHlubi sisiHlubi.
Masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ethetha isiXhosa, sicinge ukuba angamaXhosa okanye alisebe elithile lamaXhosa. Kwakhona masingaphazanyiswa kukuba amanye amaHlubi ekhuluma isiZulu sibe sesigqiba ukuba angamaZulu.
Ndicing’ ukuba niyayikhumbula imbali yokubhangiswa kwamaHlubi endithethe ngayo ngentl’ apha. Kungoko ufumana amaHlubi athetha isiXhosa okanye isiZulu. Kanti ke akhona athetha isiSuthu, lawo ahlala kunye nabeSuthu njengaseHerschel, Matatiele naseMount Fletcher. Phofu nawo lawo ayasithetha isiXhosa. Kodwa ukuba ungumntu oqaphelisisayo ungaqaphela ukuba ukhona umehluko kwintetho yamaHlubi xa ethetha isiXhosa okanye isiZulu nokubeni zontathu ezi lwimi kusithiwa sisiNguni. Phofu ke zontathu ezi lwimi zohlukile olunye kolunye nokuba loo nto kuthethwa ngayo ibizwa ngokufanayo.
Ndingaqukumbela ngelithi ulwimi lwesiHlubi luyelelene kakhulu nelesiSwati kunye nelesiNdebele.
Intetho yesiHlubi
IsiBhaca, isiHlubi, IsiNdebele, isiPhuthi nesiSwati intetho zazo kuthiwa kukutekela. Yindlela abacinezela ulwimi ngayo xa bethetha. AmaHlubi ke wona ade athi ayang’ang’aza. Isizathu sokuba atsho kukuba amagama ano-ng, wona athi ng’. maxa wambi abantu bakhona bade bayibaxe kuba endaweni yokuthi ng’i bathi nyi.
Akucaciswa ncam ukuba ingaba neseMpondo sikwafakwa kwakweli hlelo letekela okanye hayi. Kusuke kuthiwe nabo bangabeNguni/Abambo. AmaXhosa namaZulu wona afakwa phantsi kweluhlu ekuthiwa yintetho yeZunga. Ukwehlula izunga netekela ndingenza lo mzekelo ulandelayo:
- Izunga: Izingubo zam zimanzi (amaXhosa wona azakuthi Iingubo zam zimanzi)
- Tekela: Itingubo tam timanti.
Kanti ke amnye amagama ahluke kakhulu kube kubhekiswa kwinto enye. Umzekelo amaXhosa namaZulu azakuthetha ngokusela amanzi abe amaHlubi ezakuthetha ngokunatha amanatho.
Nakubeni isiBhaca sisondelelene nezi lwimi kukho amagama angawesiBhaca kwaye aqondwa ngabantu abangamaBhaca kuphela kunye nezo ntlanga zizalelwe zakhulela kwelakwaBhaca. Ukuba awulilo iBhaca ze uve igama elithile ulibambe, uthi ukuze ulazi ukuba lithetha ukuthini ubuze kumntu oliBhaca othetha ulwimi lwakhe. Nqwa ke namaMpondo. Nakuwo kukho amagama angawesiMpondo aqondwa ngabantu abangamaMpondo ekudingeka uwabuze kuwo ukuba atheth’ ukuthini na.
Xa sisiza emaHlubini, amaSwati amaPhuti namaNdebele, zone ezi ntlanga ziyatekela xa zithetha. Nangaphandle kokuba zimelene ezi ntlanga kukho nembali yokuba amaSwati namanye amaNdebele aqhuzuka kwisizwe samaHlubi ukufika kwabo apha eMzantsi. AmaSwati ke ahamba ayakuzimela kulo mhlaba sithi kuseSwatini ngoku. Okanye masithi amaSwati asala kulo mhlaba kuthiwa kuseSwatini ngoku ngela xesha amaHlubi ayesahamba ukuya kumazanti oMzantsi Afrika. Kwabanjalo ke nakumaNdebele. Akhona amaNdebele asekwa nguMsi kaMhlanga, ze abakho awasekwa nguMzilagazi (Mzilikazi) wayakuma kule ndawo kuthiwa yiZimbabwe ngoku. Bayeka ke ukuba ngamaHlubi koko baba ngamaSwati okanye amaNdebele, kwaye bazizizwe ezizimeleyo.
Yiyo loo nto ungafumanisa ukuba kukho abantu abaneziduko okanye iifani ezifanayo abe phofu omnye eliHlubi omnye engumSwati okanye iNdebele. Nakubeni kwabanjalo abuzange buphele ubuhlobo phakathi kwamaHlubi namaSwati kunye namaNdebele, ukuba busekho unanamhla. Obo buhlobo bude babe buqiniswa nakukwendiselana.
Amagama esiHlubi
Nanga amagama ambalwa awohlukileyo nayeleleneyo wesiHlubi, isiXhosa nesiZulu kule tafilana ingezants’ apha:
| IsiHlubi | isiXhosa | isiZulu |
| Mmhe | Mama | Ma |
| Thaba | Vuya | Jabula |
| Na | Xa | Uma |
| Inhloko | Intloko | Ikhanda |
| Natha | Sela | Phuza |
| Nhene | Inyaniso | Iqiniso |
| Ekhethu | Ekhaya | Ekhaya |
| Ekhenu | Kowenu | Kini |
| Ekhabo | Kowabo | Kubo |
| Ithari / Mbididi | Imbeleko | Imbeletho |
Kubantu abanomdla wokwazi amanye amagama esiHlubi fumana la alandelayo:
| \isiHlubi | isiXhosa |
| Nkulunkulu | Qamata / Thixo |
| Izigweberedzi | Izigweqe |
| Rwabitsha/Rhwepha | Yonwaya / nyumbaza |
| Dadayi | Dadobawo |
| Mirayilani | Imbokotho |
| Gidzadza | Nyumbaza |
| Yenqa | Tsiba |
| Godzama | Goba |
| Nabaradza | Naba |
| Tshibirika | Tyibilika |
| Vurukudzela | Phosa/Jula/gibisela |
| Tsherela | Yiwa |
| Kweperela | Gwencela |
| Bhurula/dobonga | Betha |
| Natha | Sela |
| Igwanya | Injana |
| Ihontshi | Ihagu |
| Umgwetshana | Umdyubha |
| Ungxawu | Imbiza |
| Ingxawana | Unopotyi |
| Igagado | Umqwayito |
| Igencegence | Inkcenkce |
| Umankintiya | Uqwilikana |
| Ingwengwe | Uqaqaqa |
| Umgrodi | Umngxuma |
| Isigxamagxama | Isicithi |
| Futhumeza | Fudumeza |
| Gwencela | Khwela |
| Gijima | Baleka |
| Rhuba | Bhanxa / Bhuda |
| Dzeruka | Baleka |
| Kweperela | Bambelela |
| Rhameredzela | Rhawulela |
| Imbuya | Utyuthu |
| Inyhakavhu | Umngqusho wamazimba |
| Isiliyaliya | Umgrayo wombona |
| Isibongo | Isiduko |
| Zibongele | Zithuthe |
| Qodzoma | Chopha |
| Segula | Cheba |
| Thewuka | Yehla |
| Hlangabeza | Khawulela |
| Teta | Beleka |
| Pherheza | Canda |
| Ibakazo | Intlama |
| Ukubakaza | Ukuxova |
| Hlabela | Cula |
| Isjeza | Umqa |
| Rhatshula | Nqumla |
| Amaqhele | Imitya yezihlangu |
| Geca | Gawula |
| Qhudzedza | Qhwalela |
| Bonda | Zamisa |
| Ingcekevu | Izinki |
| Tekela | Thetha |
| Khamba | Hamba |
| Umrugu | Imvomvo |
| Iketane | Ityathanga |
| Impalala | Umphokoqo |
| Bhadzadzela | Vingcela/valela |
| Zuma | Qubula |
| Abadzayeri | Abathakathi / amagqwirha |
| Ukudzebhurula / ukugubhurula | Ukomba |
| Ukurabhalala | Ukulala |
| Ukuqhunyisa | Ukuqhumisa |
| Phutharatsa | Phuthaphutha |
| Amangindi/amankonti/amankontomane | Amanqindi |
| Sudela | Deda |
| Ukunabuka | Ukusuka |
| Isiphongo | Ibunzi |
| Ukuzibekela | Ukuvala imbiza ngesiciko |
| Iqungequ | Icikilishe |
| Rhada | Leqa |
| Nyibhiriza | Nyhibhela |
| Inghogonyana | Imbovane |
| UNonduzulane | Ingcongconi |
| Inghogho | Irhorho |
| Iqaqayilane | Iqatha |
| Hlanusa | Hlalutya / cacisa |
| Idiya | Intethe |
| Ithari / Mbididi | Imbeleko |
| Ipathu / mhlonyana | Intonjana |
| Indhlakudla / ukudlisa umakoti | Utsiki |
| Ijiki | Utywala |
| Umrugu / ummenqe | Intsipho |
| Rhidela | Vubela utywala |
| Rhida / ukugudula | Tyabeka |
| Ukugqaduma | Ukugqwashula |
| Inkoro | Indawo emxinwa |
| Ithledza | Ihleza |
| Lunguza | Kroba |
| Dzidela / dzibadela | Gqumelela |
| Rarhaza | Khaba |
| Tshukutshela | Gibisela |
| Didlhama / dzhidlhama | Yehla |
| Chaya | Yaneka |
| Catsha | Zimela |
| Ukufahlela | Ukunxiba kakuhle |
| Ukurhadhwa | Ukuleqwa |
| Xhodza | Xhola |
| Thoborodza | Tyhoboza / thubeleza |
| Rhama | Krwitsha |
| Ipetsane | Inkonyane lehashe |
| Incegela | Inqentsu |
| Isiphaqa | Isitubhi |
| Ukulibheshewula | Ukuzula |
| Rhwadzane | Intsila / intsente |
| Imikhenke | Amasa |
| Ugolokonqane | Uqulukubhode |
| Igcantsi | Ikhuko |
| Igqola | Igqudu |
| Isiqonga | Isibonda / ipali |
| Isitlabhere | Isitshanguba |
| Isibhudzwane | Amabolosi |
| Shenxa | Bhekela |
| Suduka | Suka |
| Ibizo | Igama |
| Umkhuhlane | Umphanga |
| Isighodi | Ilali |
| Emsamo | Entla endlwini |
| Egcakeni | Enkundleni |
| Isibaya | Ubuhlanti |
| Mmhe | Mama |
| Bayede | Bayete |
| Eeh! | Aa |
| Irholeni | Molweni / Botani |
| Irhole | Molo / Botani |
| Ixoxo | Isele |
| Iphempe | Ibhuma / isuthu |
| Ingwenyama | uKumkani |
| Thaba | Vuya |
| Bonga | Bulela |
| Ng’i | Ndi |
| Labha | Apha |
| Ekhethu | Ekhaya |
| Ekhenu | Kowenu / kokwenu |
| Ekhabo | Kowabo |
| Amabele | Amazimba |
| Ukutsabaraka | Ukuthi saa |
| Ukuntshwila | Ukubamba umphefumlo |
| Ukunyora | Ukunyola |
| Ukurema | Ukujolisa entweni (to aim) |
| Ukumaya / ukudla | Ukutya |
| Ukumakala | Ukutsala umphefumlo (inhale) |
| Ukuthensa | Ukunyamezela |
| Ukufogola | Ukusokola |
| Ukugxaza | Ukugxanya |
| Ukunyefisa | Ukunyenyisa |
| Ukugubudela | Ukuphendulela (umzekelo, uphendulele ihempe) |
| Ijarha | Inkwenkwe |
| Ukukhuleka | Ukubophelela |
| Ukunyhuga | Ukubetha |
| Ukurhofuzela | Ukukhefuzela |
| isilokozane | Isingqala |
| Ukukwatsera/ Ukuthinya | Ukuphepha |
| Amarekele | Iilekese |
| Itswikiri | Iswekile |
| Ukurharedhzela | Ukungxama |
| Impongo | Ingqam (inkunzi yebhokhwe) |
| Igwanya | Intshontsho lenja |
| Ikwatana | Ipayinti / imagi |
| Isikotile | Isitya |
| Ikhezwa | Icephe |
| Ikotikoti | Itoti / isipoponi |
| Umkhupha | Isonka |
| Intusi | Ubisi |
| Imheya | Inyama |
| Idzaya | Iqanda |
| Thela | Galela |
| Thola | Fumana |
| Idzonyana | Intshontsho lehagu |
| Thapha | Zisa/ sapha |
| Nhene | Yinyaniso |
| Ukugobha | Ukufeza |
| Ukuthsakaza | Ukusasaza |
| Imvunulo | Isinxibo |
| Ukukhinqela | Ukubhinqa |
| Umghubho | Isijadu / umguyo |
| Iphiso | Umphanda |
| Intlaziba | Ingqayi |
| Umkirana | Ingqayi encinci |
| Igxwakusha | Ibhekile enkulu (10 L) |
| Intonyana | Isikhelelelo sotywala |
| Enkorweni | Enkalweni |
| Ukugxinya | Ukugxobha |
| Ukuvanga | Ukuxuba |
| Ukuqhabula | Ukurhabula |
| Ukuminya | Ukufinca |
| Ukugxidika/ukuthewuka | Ukwehla |
| Inqodi | Irhewu |
| Ukutsila | Ukunyamezela |
| Umlandu | Ityala |
| Phuraza / phura-phura | Shwankathela |
| Phutharadza | Phathaphatha |
| Ofa | Okanye |
| Ukucocobela | Ukunonophela |
| Ukurhungurudza | Ukurhugula |
| Ukunathuzela | Ukuphithizela |
| Ukucocombisa | Ukuncekelela |
| Ukunxumeredzela | Ukuxokomezela |
| Inanta | Inkomo |
| Imbuti | Ibhokhwe |
| Iguwe | Igusha |
| Ugeme / ugaga | Isifuba |
| Intokanjhi | Inantsika |
| Inyathuko / umgwaqo | Indlela |
| Impurukudzhedzhe | Ucuntsu |
| Umdzhungu | Ubumnyama |
| Lirhwalele | Kurhatyele |
| Ukubhadadzhelwa | Ukubhaqwa |
| Umgrhunu | Mona |
| Ukukireka | Ukukhubeka |
| Nyokoloza | Gxezula/jezula |
| Qhukuluza | Chukela |
| Sambatheka | Qaqadeka |
| Gomojela | Nkwamla/ginya yonke ngethamo elinye |
| Amarantha | Amadlakadlaka |
| Hlubula | Dlakazela |
| Imidlo | Ukunyoluka |
| Ukutlereka | Isikhewu |
| Inqakala | Amalongwe amadala asesibayeni |
| Ukuntsontsa / ukuthsurula | Ukuchama |
| Ikeres | Ikhandlela |
| Isidudu | Umqa |
| Umrhaphurudzo | Ukuxhapha |
| Ukunyefisa | Ukunyenyisa |
| Ukuphurisa | Ukushwankathela |
| Ukuthsila | Ukwaba |
| Ukubenyezela/ ukubenyabenya | Ukubengezela |
| Iguma | Ingqami |